‘Ayisonwabisanga indawo elikuyo iqela’

UMark Mayambela weChippa United engqongwe ngabadlali beChiefs kumdlalo wabo weAbsa Premiership 2017/18 eBhayi © Deryck Foster

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, liza kujamelana nowona mdlalo onzima ngempelaveki xa ligagana neKaizer Chiefs.

Ngentsimbi yesithandathu ngongcwalazi ngoMgqibelo, iChippa iza kuzama indlela yokufumana amanqaku apheleleyo xa idibana neChiefs kumdlalo wePSL oza kube useMoses Mabhida Stadium.

Akukho mathandabuzo, umdlalo uza kutak’iintlantsi ngoba amaqela omabini athanda ibhola ehamba phantsi.

Ngaphezulu koko, umdlalo ophakathi kweChiefs neChippa usoloko ushiya iinkumbulo ezingalibalekileyo ezingqondweni zabalandeli bebhola.

IChippa iya emdlalweni iqhwalela emva kokubethwa kwimidlalo yePSL emibini yiHighlands Park neMamelodi Sundowns. Umqeqeshi wayo, uEric Tinkler, ukhale ngokungabi bukhali kwabadlali bakhe phambi kweepali – kodwa watsho esithi yinto aza kuthi agxile kuyo.

Nawo Amakhosi aya eThekwini efungele impumelelo emva kokubethwa kabuhlungu yiOrlando Pirates ngo’2-1 kumdlalo obuseFNB Stadium kutshanje.

I’solezwe lesiXhosa lincokole noKapteni weChippa United, uMark Mayambela, othe iqela lakhe liza kulwela amanqaku amathathu emva kokuphulukana nemidlalo emibini ilandelelana phambi komdlalo wangempelaveki.

“Ubaluleke kakhulu umdlalo ophakathi kwethu neChiefs,” utshilo uMayambela.

“Siyazama ngako konke ukulungiselela umdlalo. Injongo yethu kukufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni ngoba asiqhubanga kakuhle kwimidlalo egqithileyo. Sibethwe kwimidlalo emibini ilandelelana. Lo nto ibonisa ukuba asikho kwisimo esihle kwaye asikwazi ukukhetha imidlalo ngoku. Ubaluleke kakhulu umdlalo esiya kuwo ngoba kufuneka sifumane amanqaku kuwo.

UTinkler unomsebenzi onzima wokufunqula ukuzithemba kwabadlali phambi kokudibana neChiefs.

Nakubeni ebengadlalanga kumdlalo obuphakathi kweChippa neSundowns emva kokuxabana nomqeqeshi – uMayambela uthi ayikho enye indlela ngaphandle kokubhityela ebhulukhweni.

“Umoya wabadlali uphantsi emva kokubethwa yiMamelodi Sundowns – kodwa ke kunyanzelekile ukuba siyiphose ngasemva lo nto. Imidlalo yePSL ifana nohambo olude; ngoko ke ndingatsho ukuba sijonge ngamehlo abomvu imidlalo ezayo. Ayisonwabisanga indawo elikuyo iqela. Sizimisele ukusebenza nzima ukuze sikwazi ukufumana iziphumo eziphucukileyo sikwazi ukusuka kwindawo esikuyo,” utshilo uMayambela.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Highlands Park @Harry Gwala, 20:00

NgoMgqibelo: Golden Arrows vs Baroka FC @Princess Magogo Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Chippa United @Moses Mabhida Stadium, 18:00; Bidvest Wits vs Bloemfontein Celtic @Bidvest Stadium, 20:15; Free State Stars vs SuperSport United @Goble Park Stadium, 20:15

NgeCawe: Cape Town City vs Black Leopards @Cape Town City, 15:30; AmaZulu FC vs Polokwane City @King Zwelithini Stadium, 20:15