Ayobhola ngumdliva eSisa Dukashe Stadium

Imiqodi yabantu iza kugxalathelana eSisa Dukashe Stadium – apho amaqela weMultiChoice Diski Challenge aza kube eswantsulisana okokuqala kulo nyaka mtsha.

Amaqela aza kukhuphisana kwibala laseMdantsane aquka iChippa United yalapha eMpuma Koloni nawo onke amaqela amakhulu eMzantsi Afrika.

Imidlalo iya kudlalwa ngoMgqibelo nangeCawe ukusukela ngentsimbi yeshumi ukuya kwintsimbi yesibini.

Imidlalo yeDiski Challenge inomtsalane ongummangaliso kubalandeli bebhola kuba ibonwa njengeyona idlalwa ngendlela ethandwayo ngabantu abaninzi.

Ukuza kwamaqela amakhulu kunika abalandeli ithuba lokubukela ibhola esemgangathweni ophezulu simahla.

Elona qela liqhuba kakuhle kwiDiski Challenge emva kokudlala imidlalo elishumi yiCape Town City. Ithe ngcu enkcochoyini emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amabini anesibini.

ICity idibana neMamelodi Sundowns kumdlalo wokuqala ngentsimbi yeshumi ngoMgqibelo. Iqela laseKapa liza kube lifuna amanqaku apheleleyo ukuze livule umsantsa phaya phezulu kwiDiski Challenge.

Nayo iSundowns iza kube ikhangela impumelelo ukuze inyukele phezulu. Umdlalo wesibini uphakathi kweBaroka FC neKaizer Chiefs ngentsimbi yeshumi elinesibini.

Ngamanqaku apheleleyo kuphela ayakuthi athathe la maqela mabini ayakuthi awabeke endaweni entle.

Lo nto ithetha ukuthi abantu bangalindela umdlalo ofudumeleyo.

Ngentsimbi yeshumi ngeCawe, iBidvest Wits iza kuvana amandla nePolokwane City emdlalweni okulindeleke ubenzima kakhulu.

Yona iChippa United eza kube idlalela ekhaya yamkela iOrlando Pirates emdlalweni oza kuqala ngentsimbi yeshumi elinesibini.

IChippa ehleli kwindawo yesithathu ukusuka emva iza kudlalela ukuzophula phambi kwabalandeli bayo eMonti.

Njengokuba amaqela esondela kwisiqingatha sesizini, ilelo nelo iqela lilwela ukunyukela ngasentla kwiDiski Challenge edlalwa ngabadlali abaselula ngokweminyaka – kodwa abadlalela amaqela adlala kwiPSL. Yonke imidlalo iza kusasazwa ngqo kuSuperSport 204 no-10.