Amakhosi
ayophisa emva kokuquthiswa ngegowuli elinye eqandeni (1-0)
emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngolu rhatya lwanamhlanje.
IKaizer Chiefs iphulukene nomdlalo okokuqala ukusukela oko kuqala isizini yePSL
ka-2019/20. Ukuphumelela kweRise and Shine (
kuthetha ukuthi iya kwindawo yesibini kwiPSL kwaye ilingana neChiefs ekwindawo
yokuqala ngamanqaku alishumi. Umqeqeshi weChiefs, uErnst Middendorp, ukhethe
ukuqala umdlalo ngoDaniel Akpeyi obe ngunobangela wegowuli nakubeni u-Itumeleng
Khune ebekhona.
Umdlalo uvuthe
zibekwa – kodwa ibiyiChiefs ebiwulawula. Iqela lasePolokwane libhakuzelise
umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala somdlalo ngonyawo lukaJabu Maluleka ofumene
ipenela emva kokuba uDaniel Akpeyi ewise umdlali
ebhokisini. Emva koko iChiefs isukele isebenzisa abadlali abafana noLebogang
Manyama obengenalo ulwamvila noKambole obegadwe kakhulu. Umdlali wasemva
kwiChiefs, uErick Mathoho, uphantse wafumana amagowulu emva kokungquba iibhola
ezimbini ezichithiweyo ngunozinti weCity, uChmwenya Chibwe, odlale kakuhle
kakhulu ezipalini.
Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iChiefs ihamba emva nangona ibiyiyo ebinamandla. UMiddendorp ufake
uKhama Billiat endaweni kaKambole kwisigaba sesibini – ofike wenza umahluko
omkhulu. UDumisani Zuma ungene endaweni kaSiphosakhe Ntiya-Ntiya. Ilikhusele
kwade kwasekugqibeleni igowuli layo
Umdlali othe waqaqamba emdlaweni ibe nguChibwe – unozinti oyikhuseleyo kakhulu
iCity ezipalini. Impumelelo yeCity yeyesithathu kule isizini kwaye iza
kukhuthazeka ngakumbi emva komdlalo wanamhlanje.
Kaizer Chiefs: Akpeyi,
Ntiya-Ntiya, Mathoho, Cardoso, Frosler, Maluleka, Manyama, Parker, Baccus,
Nurković, Kambole.
Amalalela: Khune, Katsande, Moleko, Castro, Zuma, Billiat,
Sasman.
Mvelase, Mbonani, Motloung, Buthelezi, Tlolane, J. Maluleke, Manaka, Mngomezulu,
W.Maluleke, Mashumba.
Amalalela: Phali, Chauke, Hlubi, Musona, Phiri, Nthatheni, Nku.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!