Bashiyeke bethe khunubembe abalandeli beKaizer Chiefs abe benethemba lempumelelo kwiveki iqela labo elifince ngayo amashumi amahlanu anesithathu eminyaka. Amakhosi ayophisa emva kokuquthiswa ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obumhle eFNB Stadium kubusuku banamhlanje. Ngaphandle kokuthandabuzo, iqela lika-Arthur Zwane bekufanele ukuba liwuphumelele umdlalo ukuba belikwazile ukusebenzisa amathuba eliwafumeneyo kwisigaba sokuqala somdlalo. UCaleb Bimenyimana ufumene amathuba esendaweni entle amatyeli aliqela kwisigaba sokuqala – kodwa namhlanje akakwazanga ukufaka nelinye igowuli emnatheni.
Abadlali abafana noPhilani Zulu noDaniel Cardoso bakwazile ukuthintela iChiefs ebifuna shushu impumelelo ukuze ivale umsantsa ophakathi kwayo namaqela angasentla kuyo afana neMamelodi Sundowns ebethe iRichards Bay ekwindawo yesibini. UKeagan Dolly, uYusuf Maart noNkosingiphile Ngcobo bebesilwela ukuya kwisigaba sesibini iChiefs inento esandleni. Akubanga njalo ngoba iintsika zeSekhukhune United bezomelele kakhulu. Iye yahlala kwindlela yokudlala enokuyinceda kwiChiefs ebihlasela. Igowuli elifakwe nguVusumzi Ncube linike iSekhukhune United impumelelo yatsho yanyukele kwindawo yeshumi kwiDStv Premiership.
Oku kwenzeke emva kokuba abadlali basemva kwiChiefs bephise ngebhola endaweni embi. UBrandon Truter, omtsha kwiSekhukhune United, ufake abadlali abaqinisekise ukuba iqela lakhe liyaphumelela emva kokudlala ntanganye naMaZulu kwiveki ephelileyo. Indlela eqhube ngayo iChiefs ibaphoxile abalandeli bayo emva kokuphumelela kakuhle emdlalweni ebethe kuwo iGolden Arrows ngamagowuli amabini eqandeni kwiveki ephelileyo. Nakubeni ikhe phantsi isitya sigcwele emdlalweni wanamhlanje – kodwa iChiefs isahleli kwindawo yesine ebikuyo kakade phambi komdlalo. Ingxaki ecacileyo kwiChiefs kukungakwazi kwayo ukufaka amagowuli emidlalweni yawo. Ngoku kunyanzelekile ikhangele ifolosi ngokukhawuleza.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi