Aza kuqhumiselana ngothuli amahashe kwiBerlin November yodumo

Oyena mdyarho wamahashe omkhulu kwiphondo leMpuma Koloni owaziwa ngokuba yiBerlin November Horse Racing uza nesinye isiqendu kulo nyaka emva kokuphazanyiswa yiKhorona enyakeni ogqithileyo. Iinkabi zamahlashe antlobontlobo eziphuma mbombo zone zeMpuma Koloni ziza kukhuphisana kube mdaka iisali kwakusasa ngoMgqibelo kwibala eliseBerlin ecaleni kohola wendlela oya kwidolophi yaseQonce. Njengokuba umdyarho wamahashe eBerlin ukhula ngokuhamba kweminyaka, nakulo unyaka kulindeleke ukhuphiswano olunzima kakhulu. Eyona nto eza kukhuthaza abaphalisi nabanini bamahashe kakhulu kukuba eliphume phambili liza kugoduka nemali engamakhulu amahlanu amawaka erandi (R500 000) namanye amabhaso ngoMgqibelo.

Injongo ephambili yomdyarho isoloko ikukulola izakhono zabaphalisi nokukhulisa umdlalo wamahashe ngokubanzi. Umbuzo: Leliphi ihashe elakugoduka nesityhwentywe semali esesichengeni? Impendulo iya kufumaneka emalanga ngomhla omkhulu. Ophumelele uya kuba nento yokuqhayisa kude kube ngunyaka ozayo. Kodwa nangona abantu abaninzi betsalwa yimidyarho yamahashe asuka ezilalini ubukhulu becala – kodwa kukho necala lomculo nelefashoni. Phakathi kwabadidiyeli bomculo abaziwayo ekulindeleke bazimase iBerlin November kukho uDJ Fresh oza konwabisa izihlwele zabantu eziza kube zigcwelise ibala. Abaququzeleli bomsitho zonke izinto zihamba ngendlela ebezicwangcise ngayo.

“Sitsha ziintambo, yonke into ihamba kakuhle. Sizimisele ukwenza yonke into ngendlela ehambelana nesimo seKhorona. Amatikiti asahamba kakuhle kwaye kukhangeleka ngathi abantu bafuna ukungena kwiiholide zehlobo ngesitayile,” utshilo uBantu Bara, omnye wabaququzeleli beBerlin Novemver. Phakathi koosaziwayo abaza kuzimasa umnyhadala walo nyaka kukho abantu abafana noDumisani Mbebe, uPearl Noxolo (ongumdlali kuGenerations, The Legacy) noSiyabonga Mdlalose. Kulindeleke ukuba iBerlin November itshayelelwe ngokhuphiswano lwabathungi beempahla balapha eMpuma Koloni bekhankathelwa ngabantu abaphum’ izandla kwicandelo lezempahla.