Emva kokuphumla kwiveki ephelileyo njengokuyalelwa yimithetho yeSARU, iiLions ziza kubuyela kwiSuper Rugby kwakhona kule mpelaveki.
Ngokucacileyo iiLions zisazikhotha amanxeba emva kokubethwa ziiHurricanes kumdlalo wazo wokugqibela weSuper Rugby.
Emva kokuba iiSharks zikwazile ukubetha iiHurricanes kule mpelaveki sisuka kuyo, linye kuphela inqaku elahlula iiLions neeSharks kwinkomfa yamaqela alapha eMzantsi Afrika.
Into ezibeka endaweni entle iiLions kukuba kukho umdlali ezingekawudlali. Abafana bakaJohan Ackerman bazakonwatyiswa nayinto yokuba bezakube bedlalela ekhaya imidlalo emine elandelayo.
IiLions zizakudlala ngokuzinikela kulo mdlalo weBlues kuba ziza kufuna ukuxolisa abalandeli bazo, kuba khange ziqhube kakuhle kumdlalo weveki ephelileyo.
IiHurricanes khange zidlale kakuhle kwiveki ephelileyo nangona zikwazile ukubetha iiSouthern Kings, iiLions zizakuba nethemba lokubuyela kwimpumelelo ukuqala ngoMgqibelo.
Ukubuya kwabadlali ababini beeLions uJulian Redelinghuys noMalcolm Marx kuza kwenza utshintsho kwiiLions nanjengokuba bezakube besemcimbini kwaye bekulungele ukudlala.
Esi sibini khange sidlale kumdlalo weeLions xa beziqubisana neeHurricanes ngenxa yokwenzakala. Loo nto iye yabangela ukuba sibe bhetyebhetye iskram seeLions.
Kulindeke ukuba nomdlali okhabayo * -Elton Jantjies abuyele ngaphakathi ebaleni, emva kokuba wakhutshwa phakathi kumdlalo weveki ephelileyo ngenxa yomenzakalo edolweni.
Kwiveki ephelileyo iiLions zivakalise ukuba uJantjie nokwangumdlali okhabayo, khange onzakale kakhulu kwaye ulindeleke ukuba akulungele ukudlala kule mpelaveki.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis