Azakuvana amandla kwiTelkom Cup

Kule mpelaveki amaqela asibhozo azakube eswantsulisana kukhuphiswano lweTelkom Knockout. Oku kulandela emva kokuba la maqela elwe kwamdak’iisali kumjikelo wokuqala ukuze akwazi ukuba kwisigaba akuso ngoku. Umdlalo ozakutsala umdla kakhulu ebantwini ngulowo uphakathi kweMamelodi Sundowns neSuperSport United eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo ngentsimbi yesithandathu emalanga.

La maqela asePitoli asoloko egxeleshene ngezikhondo zamehlo – kodwa okuphambili lo mdlali uzakubhenca elubala oyena ngqondo-ngqondo ebholeni phakathi kukaPitso Mosimane ophumelele iCaf Champions League kutshanje noStuart Baxter ophumelele indebe yeNedbank kwisizini ephelileyo. Ekuqaleni kwale sizini iDowns yavuthulula Amatsatsantsa a Pitori kumdlalo weMTN8 – ngoku lithuba elihle likaBaxter lokubuyisa izitya. Lo nto soze ibelula ngoba akululanga

ukubetha iSundowns ebaleni layo, watsho noPitso kwiinyanga ezidlulileyo. Amasandawana azakuthembela ngootshotshentla bawo abafana noKhama Billiat, Anthony Laffor, Asavela Mbekile noKeagan Dolly. Nayo iSuperSport United inezayo izihlabane ezifana Jeremy Brockie, Thuso Phala, Clayton Daniels nabanye.

Abatshakazi bePSL, iBaroka FC, yamkela iCape Town City ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo e-Old Peter Mokaba Stadium. Iqela lika-Eric Tinkler lizakufuna ukwenza ngcono kulo mdlalo emva kokuqhuba kakuhle kwiveki ephelileyo. AmaBhakaniya, antywizisayo emva kokubetha yiSuperSport United phakathi evekini, kulindeleke abuyise isidima sawo xa engquzulana neHighlands Park. Emva kokuqesha kukaGordon Igesund, iHighlands iqhube kakuhle kwimidlalo yayo.

Kanti wona Amakhosi azakudibana neFree State Stars ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Kwisizini ephelileyo iKaizer Chiefs yabethwa yiSundowns ngo’3-1 kwiTKO, kweli ityeli ngokuqinisekileyo uSteve Komphela unomnqweno wokubeka into etafileni phambi kokuphela kwalo unyaka.