Azakuvavanywa nyhani AmaBhoko-bhoko kule veki

Coach Alistair Coetzee watches Siya Kolisi during the training session of the Springboks at the Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth

Owona mdlalo onzima kwiBoks okwangowona ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bombhoxo ukule veki.

AmaBhoko-bhoko amkela iNew Zealand ngenjikalanga yangoMgqibelo, eNewlands Stadium, kumdlalo weRugby Championship.

Amatikiti alo mdlalo athengwe aphela kwiyure enye ekuqaleni kwale veki – lo nto iyodwa iyachaza ukuba kuzakube kudibene oompondo zihlanjiwe.

Amakhwenkwe ka-Allister Coetzee asaqhuba kakuhle noxa edlale ntanganye ne-Australia ngoMgqibelo weveki ephelileyo ePerth.

UCoetzee ubuye engonwabanga ngoba ebefuna impumelelo phambi kokudlala neNew Zealand – elona qela liyingozi lidlala umbhoxo ophucukileyo.

UMzantsi Afrika awukabethwa kwimidlalo emithandathu kulo nyaka – lo nto uzakuwukhuthaza xa udlala neKiwi.

UCoetzee uthi ufuna abadlali beNew Zealand bancothulwe ubuhlungu zisuka nje emdlalweni kwaye uthi lo mdlalo ngoyena uzakuba nzima.

AmaBhoko-bhoko avuthululwa ngo’57-15 yiNew Zealand kumdlalo wokugqibela kunyaka ophelileyo. Nakulo mdlalo, kuzawuqhawuka kuhlangana.

“Ukuze ubethe i-All Blacks kufuneka uqine emva ngoba ukuba uyayivumela idlale, ingakwenzakalisa. Xa zidlala iiKiwis ziza zibaleka; kufuneka uzinqande ngoba xa befumana ithuba baya emgceni,” utshilo uCoetzee.

Umdlali weKiwis uvumile naye okokuba iBoks idlala umdlalo onomahluko kule isizini.

“Sibone iqela elahlukileyo kwezi veki zidlulileyo. Lisebenzisa amandla, ngakumbi xa lisiya phambili,” utshilo uBrodie Retallick weNew Zealand.

Zisekhona iindawo ekufuneka uCoetzee azilungise kwiqela lakhe ukuze ayibethe iNew Zealand.

“Asifuni nokuxelelwa ngobunzima bomdlalo esijongene nawo. Kufuneka silungise indlela esithatha ngayo izigqibo, maxa wambi kubakho ukuxakwa phakathi kokukhaba okanye ukubaleka nebhola. Akufuneki siyinike ithuba lokulawula ibhola iNew Zealand ngoba baza kusonzakalisa,” utshilo uCoetzee.

Eyona ayifunayo uCoetzee kukuba iqela lakhe liwulawule umdlalo.