Azakuxakeka amaqela esizwe ngakumbi

Umbutho olawula ibhola eMzantsi Afrika, iSAFA, ikhuphe uludwe lwemidlalo ezakuthi idlalwe ngamaqela esizwe ukusukela kule nyanga ukuya kwinyanga yokugqibela kulo nyaka ka-2016, nolubonisa iingxinano yemidlalo enokudala umlo namaqela adlala kwiPSL.

Elokuqala iqela, yiBanyana Banyana, entingela eMelika ngomso – apho izakuthi idlale umdlalo wokucweya wokulungisela itumente enkulu – ye-Olimpiki kwinyanga ezayo. Umdlalo ophakathi kweBanyana Banyana ne-USA ubekelwe umhla wesithoba ngoMgqibelo kule veki, kwibala iSoldier Field kwidolophu iChicago. Kwangomhla wesithoba njalo, iqela lesizwe labangaphantsi kwamashumi amabini, lizakube lidlala neLesotho umlenze wokuqala weCAF African Youth Championship.

Lo mdlalo ngowokuzibekela indawo kule tumente yabadlali abaselula ngokweminyaka. Umdlalo uzakubanjelwa eSetsoto Stadium – kuze emva koko aphinde la maqela kumdlalo wesibini oyakudlalelwa kwindawo engekachazwa eMzantsi Afrika. Kwinyanga ezayo, iqela labadlali abangaphantsi kweshumi elinesixhenxe lamkela iTanzania okanye iSeychelles kumdlalo weCAF African Youth Championship.

Kanti kwakwinyanga ezayo, iBanyana Banyana ne-SA Under 23, bantingela eRio de Janeiro apho la maqela azakuthatha inxaxheba kwi-Olimpiki yalo nyaka. Ekuqaleni kwenyanga yoMsintsi iBafana Bafana, idlala umdlalo wokugqibela wemidlalo ehlakulela i2017 African Cup of Nations ezakube iseGabon. Emva kwaleyo, iBafana, izakuqala umsebenzi wokuzibekela indawo kwitumente yebhola ekhatywayo yehlabathi ezakube iseRussia ngo-2018. kwinyanga yeKhala – iqela lesizwe eliqeqeshwa nguShakes Mashaba lilindele iSenegal. Yona iBanyana Banyana yamkela iCameroon.

Oku kulindeleke ukuba kuqhwaye umlo phakathi kwamaqela ePSL neqela lesizwe, othi kuliphazamise ubukhulu becala.

Amaqela adlala kwiPremier Soccer League azakube ethe tsotsololo kwimidlalo yePSL, kube nzima ukukhulula abadlali kuba esoyikisela ukonzakala kwabo.