Azigqubi esibayeni esinye, yeyiphi eza kuwa?

UVincent Pule weOrlando Pirates noKhama Billiat weKaizer Chiefs besilwela ibhola emdlalweni weTelkom Knockout obunzima eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

Baza kufumana inyhweba enqabileyo kwakhona abalandeli bamaqela alandelwa kakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika ngempelaveki xa bephinda bebukela omnye umdlalo emva kwalowo ubuseThekwini.

Amakhosi amkela iOrlando Pirates emdlalweni weAbsa Premiership ekuza kudlana iintsimbi kuwo eFNB Stadium ngo15:00 ngoMgqibelo.

Amatikiti akumakhulu asibhozo amawaka athengiswe aphela ekuqaleni kwale veki.

Lo nto icacisa ukubaluleka komdlalo kubalandeli bamaqela omabini.

Emdlalweni weTelkom Knockout obusemgangathweni ophezulu eMoses Mabhida Stadium, wonke umntu uzibuza umbuzo: ingaba leliphi eliza kuwa? Kudibana izixikixa zeenkunzi zaseSoweto kodwa kufanele kubekho ewayo ngokuba azikwazi ukugquba zombini esibayeni esinye.

Nakowuphi na umdlalo, iKaizer Chiefs iya kuwo iphantsi koxinizelelo ngoba ifuna ukugcina indawo ekuyo phezulu kwiPSL.

Nangona eli phephandaba lishicilele phambi komdlalo weChiefs neChippa United, kodwa lowo umdlalo wangempelaveki awunalo kwaphela ifuthe emdlalweni wedabi lobukhaya.

IPirates iya emdlalweni obalulekileyo ukuzithemba kuphezulu emva kokubambana neChiefs ngo’2-2 emdlalweni ebethwe kuwo kumapenela kwiveki ephelileyo.

Amakhwenkwe kaRhulani Mokwena adlale ngendlela encomekayo kakhulu engaphelelanga.

Into nje ephazamise iPirates kukungakwazi ukubetha iMaritzburg United emdlalweni ophele iliqanda macala eOrlando Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki.

Ukuba iBucs ibikwazile ukufumana impumelelo kabini kule veki, lo nto ibiza kuyinceda ivale umsantsa ophakathi kwayo namaqela aphambili kwiPSL.

UMokwena ukhale ngamathuba aphoswe ngabadlali bakhe kodwa watsho esithi okwakhe kukuzama ukuba ngumqeqeshi oqaqambileyo wePirates.

Abaqeqeshi abaninzi banqwenela ukuba nguErnst Middendorp ngokuba iqela lakhe liqhuba kakuhle emidlalweni yalo.

Emva kokuba iChiefs ibethe iPirates emdlalweni obuseThekwini, kubonakala ngathi iintsuku zolonwabo zingabuya eNaturena phantsi kukaMiddendorp oyiphuculeyo indlela edlala ngayo iChiefs kule sizini. “Kubonakala ngathi sisekhondweni elihle.

Ukungaqhubi kakuhle kweqela eminyakeni emine edlulileyo akudibenanga nam ngoba mna ndifike ekupheleni konyaka ophelileyo.

Sizenzile iinguqu kwaye sakucacisa esifuna ukwenza isaqala isizini.

Sizimisele ukwenza umsebenzi ongcono kakhulu kunalowo wesizini edlulileyo,” utshilo uMiddendorp emva kokubetha iPirates kumapenela.