Azikho iifolosi ezondlekileyo kwiqela laseNcerha

Ukhala ngokushokoxeka kweefolosi umqeqeshi weNcerha Young Leopards, uSebenzile Khangelizwe.

Le ndedeba isivakalise esi sikhalo emva kokuphulukana nomdlalo okokuqala kule sizini yeSuper League. ILeopards ibethwe yiSwallows ngo’26-10 eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo kwimpelaveki ephelileyo.

Ibikokokuqala iSwallows iphumelela umdlalo ngamanqaku angaphantsi kumashumi amathathu kule sizini, ngelixa iyisizini yokuqala yeLeopards kwiSuper League.

UKhangelizwe uwaqhwabele izandla amakhwenkwe akhe.” Adlalile amakhwenkwe , nangona eqale ayoyika iSwallows kwimizuzu yokuqala.

Zidlalile kakhulu iifolosi zam,” utshilo uKhangelizwe.

Le ndedeba ikholelwa ukuba ukushokoxeka kweefolosi ezondlekileyo kuko okubasokolisileyo kumdlalo wabo.” Andifuni kuxoka, siyabethakala kancinci pha phambili.

Sidinga iifolosi ezondlekileyo,” utshilo uKhangelizwe. UKhangelizwe uthi ukubethwa kwabo akuziphazamisi izicwangciso zabo beliqela.

“Kokokuqala sibethwa kule sizini. Yisizini yethu yokuqala kwiSuper League le.

Iinjongo zethu kukugcina indawo yethu kwiSuper League, yaye sisaqhuba kakuhle uzokuthi ga ngoku, siza kuhlala kwindawo yesibini ngoku,” utshilo uKhangelizwe.

Ukanti umqeqeshi weSwallows, uNtando Kebe, uyavuma ukuba ubunzima umdlalo wabo neLeopards. “Ubunzima umdlalo wethu neLeopards.

Ndibaqhwabela izandla, kodwa mandibulele nabadlali beqela lethu bakwazile ukuwuphumelela umdlalo,” utshilo uKebe.

UKebe uthi le mpumelelo ithetha ukuthi iphupha labo lokuphumelela iSuper League lisaphila. “Iphupha lethu kukuphumelela iSuper League, sizokwazi ukudlala kwiGold Cup.

Okwangoku sisenalo ithemba loko ngoba siphezulu kwilog ,” utshilo uKebe.

Ezinye iziphumo zeSuper League: Police 99-17 Black Eagles, WSU All Blacks 36-6 Berlin Tigers, Ocean Sweepers 18-15 Breakers, Ntlaza Lions 18-12 Old Boys