Azikhoth’ amanxeba Amasandawana emva kokubethwa yiBaroka FC

Lebohang Maboe of Mamelodi Sundowns and Ananias Gebhardt of Baroka FC 2018 Telkom Knockout Cup Quaterfinal match between Baroka FC and Mamelodi Sundowns at the Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 03 November 2018 ©Kabelo Leputu/BackpagePix

Amasandawana
azikhotha amanxeba ngale njikalanga emva kokubethwa kabuhlungu yiBaroka FC ngo’2-0
kumdlalo obumhle weTelkom Knockout namhlanje ePeter Mokaba Stadium. IBaroka,
engaqhubi kakuhle kangako kwimidlalo yePSL kule sizini, ilaxaze iqela elikhulu
njengeMamelodi Sundowns ukuze izibekele indawo kwimidlalo ephambi
kwamagqibelakankqoyi weTelkom okokuqala embalini yayo. Igowuli lokuqala lifakwe
nguMduduzi Mdantsane ngebhola ebibekwe echaphazeni emva kokuba ibethe ezandleni
kuLebusa – uVictor Gomes khange athandabuze, uyikhombe echaphazeni ngoko
nangoko. Elesibini igowuli lingene kwisigaba sesibini ngempazamo kaReyaad Pieterse
owoyiswe yibhole ebigotywe ephikweni lasekunene.

Isiqalo somdlalo
besincumisa kakhulu macala omabini noxa kungakhange kubekho elibhalisayo
ebhodini. Amasandawana ebewulawula umdlalo ngoba ibingawo anebhola emdlalweni –
kodwa lo nto ayiwancedanga ngoba akakwazanga ukuyisebenzisa lo nto. UGaston Sirino
no-Aubrey Mngoma bazamale ukusebenzisa amathuba athile emdlalweni – kodwa unozinti
weBaroka, u-Elvis Chipezeze, ebevale mva futhi echitha kwanto eyingozi
emhlabeni wakhe. Ukubethwa kweSundowns wanamahlanje kuthetha ukuthi seyilahle
amathuba wokuphumelela iindebe ezimbini zonke. UPitso Mosimane uvumile emva
komdlalo okokuba abadlali bakhe bebesemdlalweni – kodwa khange ibekho into ethi
bafuna ukuwuphumelela umdlalo wanamhlanje.

  

Baroka FC: Baroka:
Chipezeze, Mabeba, Makume, Gebhardt, Mdantsane, Sodi, Mosele, Chawaphiwa
(Kgoetyane 66) , Semenya, Makgantai (Kgaswane 88), Sibiya.

Amalalela: Dlamini, Kgoetyane, Chivaviro,  Madubanya, Nkausu, Kgaswane, Patjie.

Mamelodi Sundowns: Sundowns:
Pieterse, Lakay, Morena, Nascimento , Lebusa, Mabunda, Jali, Sirino, Maboe
(Ngoma 79) , Zwane (Mahlambi 79) , Silva (Brockie 59).

Amalalela:
Mweene, Manyisa, Madisha, Mkhulise, Brockie, Mahlambi, Ngoma.