Azikhotha amanxeba amaJamani athenjwe ngabantu abaninzi emva kokuba engonjwe yiJapan ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weNdebe yeHlabathi obubanjelwe eKhalifa International Stadium emalanga namhlanje. Eyona nto eyakwenza iintliziyo zabalandeli bebhola ekhatywayo eJamani zibe buhlungu kukuba iqela labo liqale labhalisa ebhodini kwisigaba sokuqala somdlalo. Kwangaxeshanye, okwakuvuyisa abeJapan kukuba ibuye ihamba emva yabhukuqa oomanqanqa bebhola baseYurophu kothuka lonke ihlabathi. Isixhobo esincedisa oosompempe, iVAR, sithe chu nokuhlangula amaqela kwitumente eseQatar.
AmaJamani ebelifumene kwangoko emdlalweni igowuli lesibini – kodwa iVAR yambhaqa umdlali olaleleyo. Omabini amaqela asukelene zisuka emdlalweni futhi kucaca ukuba akukho nto iyenye ayifunayo ngaphandle kwempumelelo. Emva kwethuba amaqela ehlaselana, iGermany itsazise igazi kuqala ngegowuli elifakwe ngu-Ikay Gundogan ngepela edalwe ngunozinti, uShuichi Gonda, owise uDavid Raum. Emva kwegowuli lokuqala, uKai Havertz ufake elesibini – kodwa wabhaqwa ukuba ulalele. Emva koko izamile iJapan ukuzilwela – kodwa saphela isiqingatha sokuqala kungekho nto eyifumeneyo.
Bezikhona iintlantsi ezintaluzayo ezibonisayo ukuba iJapan ingenza into. Ekuqaleni kwesigaba sesibini, amaJamani abuye ayicishilela kakubi iJapan. UShuichi Gonda unqande amanzi engena endlini amatyeli aliqela amadoda afana noGnabry efuna into ebilapha. Zijikile kodwa izinto ngethuba uRitsu Doan efaka igowuli lokuqala leJapan emva kokuba uManuel Neuer eyixhimfele phakathi ebaleni ibhola. Ekuzeni kuphela komdlalo, uTakuma Asano wophule iintliziyo zabalandeli beGermany ngethuba efaka igowuli ephumelele ngalo iJapan. Ngoku iJapan ihleli phezulu kuGroup E emva kokuphumelela umdlalo wayo wokuqala kwitumente yehlabathi eseQatar.
Ithuba lokufunda ukuqhuba kwabakhubazekileyo baseAmathole