Azikhothanga naphantsi iZiphunzane!

Baphume iintliziyo zingamahlwili abalandeli bamanqindi baseZiphunzane emva kwemilo ebiseOrient Theatre.

UBongani Silila noThembelani Nxoshe bagoduke besazixwayile iitayitile zabo. USilila ungombe uLuyanda Nkwakwa wanqandelwa kumjikelo weshumi kumlo weJunior Flyweight.

Komnye umlo ubumhle, uThembelani Nxoshe uphume ese yintshatsheli yodidi lwempukane emva kokudlala ntanganye noNtlantla Ngamntwini.

Iziphumo zomlo kaNxoshe noNgwamntwini zithetha ukuthi la magatyana aza kuphinda anyethalane ungaphelanga lo nyaka. UNxoshe ukholelwa ukuba uza kumnabisa uNgamntwini kumlo olandelayo.

“Ndidlale kakuhle kulo mlo. Ibe lilishwa nje into yokungaphumeleli. Kodwa ndingamthi qwaka qwaka anabe kumlo olandelayo,” utshilo uNxoshe. Le ndedeba ithi ayixolanga ziziphumo zomlo odlulileyo.

“Ndikholelwa ukuba ndenze ngokwaneleyo ukuwuphumelela umlo wanamhlanje. Andixolanga ziziphumo tu,” utshilo emva komlo.

UNgamntwini uthi akaxolanga yindlela alwe ngayo.

“Ndenze iimpazamo kakhulu namhlanje, andixolanga yindlela endidlale ngayo. Ndiza kuzilungisa kumlo olandelayo. Ndikholelwa ukuba ndiseza kuba yintshatsheli ngenye imini,” utshilo uNgamntwini.

Intshatsheli yeJunior Flyweight, uBongani Silila, uthi ukumamela abaqeqeshi bakhe kumsebenzele. “Wawunzima umlo wam noNkwakwa kuqala. Ndincedwe kukumamela iingcebiso zabaqeqeshi bam,” utshilo.

Lo kaSilila ukholelwa ukuba akazuphinda anqatyelwe yimilo emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho semilo neXaba Boxing and Events.

“Ndiyimbethimanqindi yeXaba ngoku, andizukunqatyelwa yimilo,” utshilo uSilila.

USiphamandla Baleni ubethe uLoyiso Ngantweni, uNtlantla Tyirha ubethe uSabelo Nkosi kumlo weJunior Flyweight.

ULuyanda Ntwanambi noSinethemba Kotana badlale ntanganye kudidi lwempukane. USibusiso Bandla ungqengqise uMzukisi Mthalane kumjikelo wesithandathu.