‘Babecinga iza kuphelela emoyeni iChiefs’

Igxalathelene imiyalezo isuka macala onke kuquka nosuka kuMongameli welizwe, uCyril Ramaphosa, ivuyisana neKaizer Chiefs edibanise amashumi amahlanu eminyaka (50).

Umnikazi weChiefs, uKaizer “Chincha Guluva” Motaung, ukhumbule emva apho asuka khona ngo-1970, unyaka awasungula ngawo iqela lakhe emva kokushiya i-Orlando Pirates.

Kwimbali yebhola eMzantsi, kunzima ukubalisa imbali ngaphandle kokukhankanya igama elithi Chiefs ngenxa yomsebenzi ewenzileyo eminyakeni engamashumi amahlanu.

Abamaziyo uMotaung bamchaza njengomdlali owayelichule ebholeni. Akunzimanga ukuyibona lo nto nakongazange ambone ngeentsuku zakhe kwindlela ayiphethe ngayo iChiefs ngoku.

“Kuzalisekiswe iphupha”, utshilo uChincha Guluva ephawula ngomgama ohanjwe liqela lakhe ukusukela ngomhla walo wokuqala.

“Maninzi amabali endinokuwabalisa kwaye ndiyambulela uThixo ondigcinileyo ukuze ndibone iphupha lethu lizalisekiswa. Ekuqaleni kwethu, abantu babecinga ukuba yinto eza kuphelela emoyeni bambi babengayiqondi into esiyenzayo,” utshilo uMotaung.

Eminyakeni engamashumi amahlanu, iChiefs izenzele igama elihle ngokuthatha iindebe, ukuvelisa abadlali abasemgangathweni ophezulu nabaqeqeshi.

Lowo ngumkhoka owabangela ilandelwe zizigidi zabantu eMzantsi Afrika nakwizwekazi leAfrika ngokubanzi.

“Ndiyazingca futhi ndonelisekile ngumsebenzi esiwenzileyo xa ndijonga apho sisuka khona. Kuhle ngoba asibaphoxanga abantu abasixhasayo ukusukela ekuqaleni. Injongo yethu yayikukuza nento esiza kuziqhayisa ngayo, indawo egqwesileyo. Sikwazile ukuyenza lo nto,” utshilo uMotaung.

Kwakunzima kakhulu ukuba neqela ngeminyaka yoo-70 kodwa uMotaung uthi inkxaso yabalandeli yeyona eyibeke kwindawo ekuyo iChiefs namhlanje.

“Zange sacinga ukuba iChiefs ingankulu ngohlobo elulo namhlanje. Impumelelo yethu ize ngenxa yabalandeli abasithemba kwasekuqaleni. Abalandeli bethu basondele kuthi kakhulu kwaye bazibophelele eqeleni labo. Yeyona nto eyenza sahluke kwamanye amaqela kweli lizwe,” uvale ngaloo mazwi uMotaung.

Amakhosi afake abalandeli simahla emdlalweni obuphakathi kwawo neHighlands Park izolo eFNB Stadium ngelizama ukuthi enkosi kubo. Kanti ngeCawe, iChiefs yamkela iCape Town City emdlalweni ekulindeleke utshise eFNB Stadium.

UDaniel Cardoso uxelele iintatheli okokuba abadlali bazimisele ukuphumelela indebe njengokuba iqela lifince amashumi amahlanu eminyaka.