Babokoboko amacala aBafana Bafana yinduku yeFrance

UKylian Mbappe noSiyanda Xulu emdlalweni wobuhlobo obuphakathi kweFrance noMzantsi Afrika obubanjelwe eLille, eFrance. Umfanekiso: EPA/CHRISTOPHE PETIT TESSON

ABafana Bafana babokoboko amacala emva kokukrolonqwa ngenduku yiFrance ebingenalo konke konke usizi. UMzantsi Afrika uvuthululwe ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni (5-0) emdlalweni wobuhlobo obumhle eStade Pierre Mauroy kwisixeko saseLille, eFrance, ebusuku namhlanje. Umdlalo uqale kakuhle, omabini amaqela ebesukelana futhi kubonakala ukuba akhangela indlela yokufaka amagowuli kwangoko emdlalweni. USiyanda Xulu noNkosinathi Sibi bebenomsebenzi onzima kakhulu wokuzama ukubamba uKylian Mbappe obeyingozi no-Olivier Giroud bangafaki amagowuli. Nangona aBafana Bafana bakhe baxhathisa emdlalweni, uMbappe ubhakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini ngebhola entle ayikhabe emva kokuyekwa ngabadlali ababini bephambi kwakhe.

Igowuli lize ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngu-Antoine Griezman ogobe ibhola esekunene (nangona elinxele nje yena) yafika kuMbappe eyilindile. Khange kube kudala, uGiroud ubethe amadoda ebhokisini wafaka igowuli lesibini lomdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iFrance inkqenkqeza phambili ngo’2-0 kufanelekile ngoba ibiyiyo edale amathuba nakubeni nawo uMzantsi Afrika uzamile kakhulu ukudlala futhi usiya phambili. Kwisigaba sesibini, iFrance iqhubele phambili nokucishilela uMzantsi Afrika. Isiququ esaziwayo, uN’Golo Kante, ebezenzela nje esiswini. UTabang Monare noMvala kuncinci kakhulu abakwazileyo ukwenza ngoba bebedibene neentshatsheli zehlabathi zokwenene.

Ngokufanayo nakwisigaba sokuqala somdlalo, uRonwen Williams unqande amanzi engena endlini izihlandlo eziliqela. UMbappe ufumene igowuli lakhe lesibini ngepenela emva kokuba ewiswe nguXulu ebhokisini. UDidier Deschamps ufake uPaul Pogba noWissam Ben Yedder abafike bawenza nzima ngakumbi umsebenzi waBafana Bafana. Amagowuli amabini wokugqibela weFrance afakwe nguBen Yedder noMatteo Guendouzi abangene kwisigaba sesibini. UKhuliso Mudau unikwe ikhadi elibomvu ngenxa yokudlala kakubi. Nangona uHugo Broos ebethe ufuna abadlali bakhe babe nezinto abazifundayo kwiFrance – kodwa iya kuba yinto enzima kakhulu leyo xa bebethwe ngempama. Kwiveki ephelileyo, uMzantsi Afrika ubambene ngeqanda neGuinea emdlalweni wobuhlobo obuseBelgium.

France: Maignan, Saliba, Varane, Kimpembe, Clauss, Rabiot, Kante, Digne, Griezmann, Giroud, Mbappe.

Amalalela: Areola, Lloris, Kounde, Pogba, Tchoumeni, Coman, Nkunku, Guendouzi, Ben Yedder, Diaby, L. Hernandez, T. Hernandez.

South Africa: Williams, Mobbie, Xulu, Sibisi, Lakay, Mokoena, Mvala, Monare, Hlongwane, Lakay, Foster.

Amalalela: Bvuma, Mothwa, De Reuck, Makgopa, Dolly, Mosele, Mcaba, Letsoalo, Brooks, Mudau, Mashego, Shandu.