Babuye imisila iphezulu abadlali beProteas noxa bephumile kwiT20 World Cup

UTemba Bavuma nguKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba libuyele ekhaya lithe qhiwu imisila ngokungafaniyo nakweminye iminyaka noxa lingabuyanga nendebe. Kwinyanga ephelileyo, iProteas iye kwiT20 World Cup, ebanjelwe eDubai kulo nyaka, umoya uphantsi ngenxa yezinto ezenzekayo kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Emdlalweni wokuqala, abadlali abathile badala isankxwe ngokubonakalisa iiyantlukwano zabo zangaphakathi eqeleni lesizwe ngokungalixhasi iphulo elichasene nocalucalulo. Yinto leyo ethe iCricket South Africa xa izama ukuyilungisa, suka uQuinton de Kock wakhetha ukungadlali noxa ebuye wasixolisela isenzo sakhe emva kweentsuku.

Kuzo zonke ezo zinto ezenzekileyo, abadlali beqela lesizwe babuyele ekhaya ikhona intlantsi yethemba emva kokuba bephumelele imidlalo emine kwemihlanu abayidlalileyo. Bavale itumente ngokubetha amaNgesi noxa ebavalele abakwazi ukudlulela phambili kwiT20 World Cup abakhokelwe kuyo nguTemba Bavuma. Amanye amaqela abethwe nguMzantsi Afrika aquka iWest Indies, iSri Lanka neBangladesh. Kodwa ekuqaleni wabethwa yiAustralia. Umqeqeshi weProteas, uMark Boucher, oye eDubai ephantsi koxinizelelo ngenxa yokuhambi kakuhle kwezinto, uyincomile indlela elidlale ngayo iqela lakhe kwitumente yehlabathi.

Abanye babadlali abadlale ngendlela encomekayo ngethuba uMzantsi Afrika ukhupha iNgilane ngo’179-9 baquka uKagiso Rabada, uBavuma noRassie van der Dussen. “Eli iqela labadlali lisekhondweni elihle,” utshilo uBoucher emva komdlalo eDubai. “Kuninzi esisa kufundayo siliqela. Kodwa imidlalo enje iza kusinceda ngoba siyidlale siphantsi koxinezelelo. Iqela lisakhula. Sinethemba lokuba liza kuqina ngokuhamba kwexesha. Lidinga nje intlahla – kodwa siyathemba ukuba liza kuza nendebe kungekudala,” utshilo uBoucher. UBavuma ibe nguKapteni wokuqala omnyama okhokele iProteas kwitumente yehlabathi. “Ufanelwe kukunconywa uTemba ngoba wenze umsebenzi omhle kakhulu,” utshilo uBoucher.