Babuyela ebaleni kwakhona abebhola yomnyazi

Ekuqaleni kwalo nyaka, ilizwe loMzantsi Afrika liye lafuthaniselwa kakubi ngumsinga wesibini weKhorona. Lo nto iye yanyanzela uMongameli welizwe, uCyril Ramaphosi, abuyisele imithetho ethile ngelizama ukuthoba isantya sokosulelana. Kuthe kwakudamba ulwamvila leKhorona kwiiveki eziphelileyo, uMongameli uye wayinyenyisa intambo kwakhona. Yiyo lo nto umbutho olawula ibhola yomnyazi, iNetball South Africa, ukhuphe isaziso esithi imidlalo yomnyazi iza kuqala apho ibiyeke khona ekuqaleni konyaka.

Abalawuli bomnyazi bathatha isigqibo sokunqumamisa yonke imidlalo ngenxa yeKhorona esube amawakawaka emiphefumlo yabantu eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo. Umongameli weNetball SA, uCecilia Molokwane, uthe besisigqeba esilawula umdlalo womnyazi kwanyanzeleka bathathe isiggqibo ukuze kungabikho mntu usemngciphekweni wokuhlatyaniselwa ngubhubhane.

“Ukubuyisa imidlalo kwakhona khange ibe sisigqibo esilula kuthi ngoba ingxaki ayikemki elizweni. Kuye kwanyanzeleka siqulunqe indlela esiza kuqinisekisa ngayo okokuba zonke izinto zenziwa kulandelwa umthetho. Sinyanzelekile sibukhusele ubomi babo bonke abantu ababandakanyekayo emdlalweni womnyazi ngokulandela imiqathango yezempilo,” utshilo uMolokwane.

Itumente yokuqala eza kuthi idlalwe yiSPAR Challenge kulindeleke idlalwe nguMzantsi Afrika namazwe afana neNamibia neUganda ukusukela kwiveki yokugqibela kwinyanga ezayo ukuya ngempelanyanga. Nangona amazwe amenyiweyo engekasikhuphi isiqinisekiso sokuza kwawo kodwa amalungiselelo aqhubela phambili eKapa, apho itumente iza kubanjelwa khona. Kulindeleke umqeqeshi weSPAR Proteas, uGqirha Elsje Jordaan, abhengeze amagama wabadlali abaza kuthatha inxaxheba kwitumente ejongwe ngamehlo abomvu ngabebhola yomnyazi.