Badenhorst: Siyifumene into ebesiyifuna

Umqeqeshi weqela lesizwe lomnyazi, uDorette Badenhorst, wonwabile emva kokuba iqela lakhe livale unyaka kakuhle. Emidlalweni emithathu eSun City kwiveki ephelileyo, iSPAR Proteas iphakamise indebe emva kokunqunqela ogoqweni iMalawi. Kowokuqala, uMzantsi Afrika ubethe iMalawi ngo’65-25, kowesibini uphumelele ngo’62-29 kowesithathu waphumelela ngo’69-28.

Nangona uMzantsi Afrika ungakwazanga ukuqabela kumashumi asixhenxe – kodwa indlela odlale ngayo kowokugqibela ibiphucukule kuneminye. Ngumdlalo lowo oqinisekise ubunganga beentokazi zoMzantsi Afrika kwelinye lamazwe anamandla emdlalweni womnyazi kwizwekazi le-Afrika. Noxa abadlali beProteas benze iimpazamo phaya naphaya emdlalweni wokugqibela – kodwa eyona nto ebifunwa ngumqeqeshi yenzekile. “Siyifumene into ebesiyifuna emidlalweni yethu. Akuqhelekanga ukusebenzisa bonke abadlali xa udlala neqela eliphezulu. Sikwazile ukudlalisa abadlali bethu emdlalweni ngamnye kwaye ndonelisekile yindlela abadlale ngayo,” utshilo uBadenhorst.

Nakubeni iqela lesizwe laseMalawi ligoduke lingaphethanga nto esandleni, okuya kubaxolisa abaqeqeshi kukuba abadlali bebezimisele emidlalweni yonke. Imidlalo yala mazwe mabini idlalwe abadlali benexesha elide behleli nje ngenxa yekhorona ephazamise imidlalo yehlabathi. Ukubethwa nguMzantsi Afrika yinto engeke yamkeleke ncam eMalawi ngoba ngamazwe aphambili kwibhola yomnyazi futhi akhuphisanayo e-Afrika.

Umqeqeshi weMalawi, uPeace Chawinga-Kaluwa, uthe uphoxekile kukubethwa kweqela lakhe emidlalweni emithathu. “Ukubethwa kwethu kusivusile. Esikubulelayo kukufumana umdlalo wehlabathi – kodwa kufuneka siqinisekise abadlali bethu bafumana imidlalo. Ukungadlali kwabo ixesha elide kusibethile ngoba beze kule midlalo bengayilungelanga,” utshilo uChawinga-Kaluwa. Umdlali wasemva, uPhumza Maweni noShadine bazuze amawonga abalulekileyo emva kokusongwa kwetumente.