
UMzantsi Afrika awukwazanga ukubetha iMauritania kumdlalo ohlakulela i2017 Africa Cup of nations emva kokuba umdlalo uphele ngo’1-1 eMbombela Stadium namhlanje ebusuku.
Ukubambana ngegowuli neMauritania kuthetha ukuthi aBafana Bafana abakwazanga ukuyibetha kwimidlalo emibini. Kumdlalo wokuqala iMauritania yavuthulula aBafana Bafana ngo’3-1 enkundleni yayo.
Lo ngumdlalo umqeqeshi woMzantsi Afrika, uShakes Mashaba, ebenqwenela ukuwuphumelela ukuze axolise ngawo iintliziyo zabalandeli bebhola emva kokuphanza kweenzame kwelinge lokuthatha inxaxheba kwi-2017 Afcon ezakube iseGabon.
Kubonakele kwase kuqaleni emdlalweni ukuba iindwendwe zize eMzantsi zinenjongo yokungabethwa, lo nto ibonakele kwindlela ezidlale ngayo.
Ngomzuzu weshumi elinesithandathu[16] iMauritania ingcangcazelise umnatha ngebhola efakwe nguDiallo Guideye eshiye u-Itumeleng Khune ethe natya phantsi.
Kwangoko emva kwegowuli, aBafana Bafana, bawuphakamisile umdlalo wabo – kodwa iMauritania yabe ivale mba emva.
Ufake igowuli lokulinganisa uHlompho Kekana ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu[25] emva kokufumana ibhola entle ekhatywe nguMpho Makola ekoneni.
Isigaba sokuqala siphelele entanganye la mazwe omabini. kwesesibini isigaba umdlalo ubuphucukile ngoba amaqela [omabini] ebebonisa ukunxanelwa ukufaka amagowuli.
UMzantsi Afrika nguwo olawule umdlalo – kodwa ingxaki abadlali abakwazanga ukusebenzisa amathuba nokugqobhoza udonga obeluluqilima lweMauritania.
Kuthe ngomzuzu wamashumi amahlanu anesine uMzantsi Afrika wafumana ithuba lokufaka elinye igowuli emva kokuba uphiwe ipenela ngusompempe. Ibhola ebingenamandla kaThamsanqa Gabuza iye yabanjwa ngunozinti, kwaphela naloo ntlantsi yethemba lokufumana impumelelo. Nasemva kokuba usompempe enike umdlali weMauritania ikhadi elibomvu, aBafana Bafana abakwazanga tu ukubetha iMauritania eze kweli lizwe izimisele ukugoduka nenqaku kulo mdlalo. UMzantsi Afrika uzakuphoswa yeyona tumente inkulu nebalulekileyo kwizwekazi le-Afrika kunyaka ozayo emva kokuvala imidlalo yokuzibekela indawo kwi-2017 Afcon ukwindawo yesithathu kuGroup M.
Bafana XI: Khune, Mobara, Langerman, Mphahlele, Hlatshwayo (c), Jali, Kekana (Furman 67′), Makola, Modiba, Vilakazi (Motupa 83′), Gabuza (Rantie 60′).
Amalalela: Mabokgwane, Daniels, Furman, Masango, Rantie, Motupa, Hlanti.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?