Bafana Bafana bagoduse iTunisia badlulela phambili kwiAfcon!

Kugquba umoya omhle enkampini yaBafana Bafana emva kokuba bekwazile ukudlulela kujikelo olandelayo weAfrica Cup of Nations. Oku kwenzeke emva kokuba Bebanbene ntanganye ngeqanda neTunisia emdlalweni obubanjelwe eAmadou Gon Coulibaly Stadium ebusuku ngoLwesithathu.

ABafana Bafana badlale kakuhle futhi bakwazile ukuvimba iTunisia eye emdlalweni ifuna amanqaku amathathu. Ngokungakwazi kwayo ukubetha uMzantsi Afrika, igoduka yodwa kuGroup E.

Ngenxa yokungaphumeleli kwayo, igodukile emva kokufumana amanqaku amabini kuphela emidlalweni emithathi kaGroup E obelushica. Amanye amazwe aye phambili yiMali neNamibia emva kokuba zibambene ngeqanda komnye umdlalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Umdlalo ububambene kubonakala ukuba akukho qela elifuna ukulahlekelwa emdlalweni. Kodwa iTunisia iquqe ibuyelela emhlabeni kaRonwen Williams.

Abadlali beTunisia abafana noHaamza Rafia, Anis Ben Slimane noSeifedine Jaziri bazamile ukuxhesha uMzantsi Afrika besebenzisa amaphiko kwangoko kwisigaba sokuqala. Bagxile kakhulu kwicala lasekunxele ngoba bebengafuni uAubrey Modiba abenomhlaba wokwenza idemesha noPercy Tau xa bezama ukuhlasela.

Kanti kuphantse kwakubi ngenza kaKhuliso Mudau odlalwe kakubi wade waphuma. Nabo aBafana bakhe bankqonkqoza emhlabeni kaBechir Ben Said noxa ebesekhefini kwisigaba sokuqala.

UTau, uThemba Zwane noModiba bazamile ukudibanisa umdlalo woMzantsi Afrika sekuphela isiqingatha sokuqala. Isiqingatha sesibini siqale ngesantya eziphantsi. Yinto ebingalindelekanga ngoba bekunyanzeleki ukuba iTunisia izame ukuhlasela kuba yiyo ebekunyanzelekile ukuba iwuphumelele umdlalo.

Okuthe kwancomeka kukuba aBafana Bafana badlale umdlalo obhetele kakhulu kwisigaba sesibini. UMvala noKekana bavale mba emva, kanti esiswini uMokoena noSithole khange bayivumelele idakase iTunisia futhi ikwangabo abebeyixhesha kakhulu esiswini.

UNyikoo Mobbie, ongene endaweni kaModau ekuqaleni kwesigaba sesibini, udlale kakuhle kakhulu esebenzisana noTau kwicala lasekunene. Naye uThapelo Maseko, othathe indawo kaMorena, wenze umahluko obonakalayo ngoba uyigcine ixakekile iTunisa emva.

Nakubeni kungekho mathuba amaninzi adalwe nguMzantsi – kodwa uMokoena noSithola bakhe bamkhabela unozinti. Ukhe wazama naye uEvidence Makgopa ukukhabela iipali phambi kokuhlasela kwabo abadlali beTunisia abaphose amathuba amahle okufaka amagowuli emizuzwini yokugqibela.