Bafuman’ ithuba lokuzicacisa kwiSuperSport United abadlali baseCacadu!

Iphulo lophuhliso lebhola ekhatywayo liyathembisa kakhulu kwindawo yaseCacadu. Oku kuza emva kokuba iqela lebhola lasePitoli, iSuperSport United, ligqibe kwelokuba limeme abadlali bebhola ekhatywayo abane ukuze bayokuphononongwa ngabaqeqeshi abaphezulu enkampini. Owesihlanu uza kuntingela kwiphondo laseNtshona Koloni – apho amenywe yiCape Town Spurs. Abadlali abahlanu abachongiweyo ngaba: uSiphesihle Khedama, uSikhonathi Ntsewula, uLwazi Makamba, uAkhona Ngxolelo noLukhanyo Mayekiso. Uvavanyo lwamakhwenkwe aphuma kwizikolo ezifana neMkapusi High School, iNtsokotha High naseFreemantle High School yinto enkulu kakhulu kwiindawo eziphantsi kweMalahleni Local Municipality esaqhwalelayo kakhulu kwicala lophuhliso lwezemidlalo.

Onke la makhwenkwe angaphantsi kweminyaka elishumi elinesithandathu anethuba elihle lokulandela ekhondweni lika-Asavela Mbekile okwazileyo ukudlalela amaqela amakhulu ebholeni yaseMzantsi Afrika afana neMamelodi Sundowns, Orlando Pirates, iSwallows neStellenbosch FC. Amagqala ebhola ekhatywayo aseCacadu, akhokelwa nguMnu. Zuko Mlandu, aneminyaka eliqela eyizama into yophuhliso lwebhola ekhatywayo. Unyaka nonyaka, ayaqinisekisa ukuba aququzelela itumente yebhola ekhatywayo enkulu ebanabachongi betalente abasuka kumaqela amakhulu eMzantsi Afrika. UMnu. Mlandu uvakalise uchulumanco olukhulu yinto eyenziwe yiSuperSport United neCape Town Spurs.

“Isivuyisa kakhulu into yokumenywa kwenani elingaka ngamaqela amakhulu. Siyawabulela amaqela athathe abadlali bethu kwaye sibulela nabantu abaxhase iMbhekeni Tournament ebeyimpumelelo,” utshilo uMnu. Mlandu. Naye utitshalakazi waseFreemantle Agric High Aschool, uNtombi Mthengi, uvakalise uvuyo olukhulu watsho eyibulela into eyenziwe yiSuperSport United umntana wesikolo sakhe. “Isikolo siyayibulela kakhulu iSuperSport ngokutyumba umntana obedlala kwitumente ebilapha kuTshazimpuzi. Singootitshala sivuya kakhulu xa sibona abantwana bethu bekhulu futhi siyaqiniseka ukuba ibhola ekhatywayo ngeke iphele eFreemantle,” utshilo uNksz. Mthengi.