Bafunwa ngapha nangapha abadlali beTornado FC

Umnini weTornado FC uSimphiwo Nyobo uthi beliqela sele bekulungele ukubuyela ebhodini balungiselele isizini ezayo, kwi-ABC Motsepe League.

Oku kulandela ukuphanza kweenzame zeli qela zokudlala kwiNFD kwisizini ezayo. ITornado ibiziintshatsheli zeMotsepe eMpuma Koloni kwisizini ephelileyo. Loo nto ibeke eli qela laseMdantsane ethubeni lokuba liyokudlala imidlalo yokulwela(playoffs), indawo kwiNFD.

Ukubethwa kweTornado kwimidlalo emithathu kuye kwalitshabalisa eli phupha kwakhona. Umqeqeshi weTornado kwisizini ephelileyo uThobela Bikwani uye wabhala kwikhasi lakhe lonxibelelwano likaFacebook, ukuba ubuyela eKapa apho ebesuka khona kwaye akananjongo zokubuyela eMpuma Koloni.

Amarhe aye ajikeleza ngawokuba lo mqeqeshi uzakubuyela eKapa ayokuncedisa ukuqeqesha kwiCape Town All Stars.

UNyobo uqale ngokuvuyisana nabadlali abathandathu beTornado abazakudlala kumaqela akwiNFD kwisizini ezayo. “ITornado yenze isivumelwano nomnini weMbombela United edlala kwiNFD uSkhumbuzo Mathebula sokunika ela qela abadlali abane. Ababini abadlali sibakhulule ukuba baye kwiCape Town All Stars,” uyiqinisekisile le nto uNyobo.

“Ukunyuka kwaba badlali kuthetha ukuba iTornado inento ekwazileyo uyenza. Thina sikhulisa abadlali baye kumaqela amakhulu. Ngoku noko kumakhaya abo kuzakutsho kukhanye, kuba isentana abebeyifumana apha kwiTornado izakodlulwa yile banokuyifumana kwiMbombela,” utshilo uNyobo.