Bagotywa besebatsha kwiqakamba

Uphuhliso lwabadlali beqakamba luthathe olunye unyawo kwiBorder! Kwiveki ephelileyo, umbutho olawula iqakamba phantsi kwesikhokelo sikaMnumzana Mnonopheli Mfenqe ubuqokelele abantwana abaneminyaka emithandathu ukuya eshumini eBuffalo Park Stadium.

Injongo yokwenza oko ibikukufundisa abantwana iqakamba beselula ukuze bathi bekhula babe bexhotyisiwe.

Phakathi kwabantu abathe bathath’inxaxheba kucweyo nguMnu. Mfundo Siyo – omnye wamadoda azinikeleyo kwicala lokufundisa nokuvumbulula izakhono zabantwana abadlala iqakamba beselula eKomani nakwiindawo eziyingqongileyo.

Yonke lo nto uyenza kungekho mabala ayilungeleyo iqakamba nezinye izinto ezibalulekileyo kuphuhliso lalo mdlalo – kodwa nangona kunjalo uzimisele kakhulu ngoba wenza into ayithandayo.

I’solezwe lesiXhosa lincokole naye bucala. “Sizokuphuhlisa izakhono zabantwana apha. Abantwana sibaqala ezantsi bengazi nto.

EKomani sinaso isikolo ekuthiwa yiQueens College esisona sineendawo ezisemgangathweni ophezulu zokudlalela iqakamba.

Xa befika abantwana kwiindawo ezenziwe kakuhle njengale baye bavuye kakhulu. Phambi kwayo yonke into siye sibalungise iingqondo zabo ngokuthi sibaxelele ukuba bangabuhoyi ubuntofo-ntofo bebala kwezi ndawo, mabajule iqakamba laseJava qha. Ingxaki esinayo eHewu kukungabikho kwamabala alungele iqakamba. Phaya ibala liyakrwelwa emva koko kubekwe iitoti phambi kokutshukutshelana ngebhola,” utshilo uSiyo.

Umququzeleli wemidlalo yeqakamba edlalwa ngabantwana, uMnonopheli Mfenqe, osebenzela iBorder Cricket, wonelisekile yindlela izinto ezihambe ngayo.

“Namhlanje sinolona suku lukhulu, sidibanise abantwana ngenjongo yokukhangela izakhono zabo zokudlala iqakamba. Esi sisiqalo, aba bantwana ndibafanisa nabantwana abasafunda ukugaqa. Kweli nqanaba bakulo sifuna ukubagcina benomdlalo weqakamba. Bakhona abaza konyulwa ukuze baye kwiqakamba eqinileyo,” utshilo uMfenqe.