Bagotywe umnqonqo abeCricket SA ngomzuzu wokugqibela nguMphathiswa

Kuye kwanyanzeleka bagobe umnqonqo, inkani bayibeke ecaleni, abaphathi beCricket South Africa (CSA) emva kokugrogriswa nguMphathiswa weZemidlalo kuzwelonke. Ekuqaleni kweveki ephelileyo, oomongameli bamaphondo abathatha izigqibo kwiCSA baye basikhaba isiphakamiso esiza kuguqula indlela elawulwa ngayo iqakamba eMzantsi Afrika.

Lo nto icaphukise kakhulu uMphathiswa weZemidlalo, uNathi Mthethwa, othe uza kusebenzisa igunya lakhe lokurhoxisa inkxaso karhulumente ayinika iqakamba yaseMzantsi Afrika – inyathelo ebeliza kunyanzela umbutho olawula iqakamba yehlabathi (International Cricket Council) iwukhuphe uMzantsi Afrika kwiqakamba yamazwe ngamazwe ngokufanayo neminyaka yocalucalulo.

Ngempelaveki egqithileyo, abaphathi beqakamba baye bavumelana nebhodi yethutyana yeqakamba ngelithi bonke bayalixhasa ilingele lokuguqulwa kolawulo lweqakamba yaseMzantsi Afrika. Eyona nto engafunwayo ngabasemagunyeni kwiqakamba kukuhlonyelwa komthetho othi makubekho abaphathi abazimeleyo kwisigqeba esiphethe iqakamba bacinga ukuba iza koxutha amandla wabo lo nto.

UMongameli wesigqeba esilawulayo, uMnu. Rihan Richards, ukhuphe ingxelo ethi onke amalungu avumelene nebhodi yethutyana. “Le yimini eyimbali kwiqakamba yaseMzantsi Afrika kwaye sisamkele isiphakamiso esiza nendlela entsha yolawulo. Ndiyababulela oogxa bam nebhodi yethutyana ngokuqinisekisa okokuba inyathelo ebeliza kuthathwa nguMphathiswa siyaliphepha ngoba beliza kwenza umonakalo omkhulu kwiqakamba,” utshilo uRichards.

Yena uGqirha Stavros Nicolaou, othethe egameni lebhodi yethutyana, woleke ngokuqinisekisa ekugqitywe ngako entlanganisweni. “Sikwenzile konke thina obesikuyalelwe nguMphathiswa uNathi Mthethwa. Sinethemba lokuba isivumelelwano sakunika ithemba bonke aba bandakanyekayo eqakambeni. Bekunyanzelekile sifumane isisombululo ukuze ilizwe lethu likwazi ukuqhubela phambili nomdlalo weqakamba,” utshilo uNicolaou.

Ngoku inkqubo eza kulandelwa nguMzantsi Afrika yindlela esetyenzisa nazezinye izizwe ezidlala iqakamba. Abasebenzi nabalawuli beCricket SA babhalele uMnu. Mthethwa bemcenga ukuba angasebenzisi igunya lakhe kwiveki ephelileyo nangona kudala enyamezele.