Bahleli phezulu aBafana Bafana emva kokubetha iZimbabwe eligubu kuGroup G

Abadlali boMzantsi Afrika bevuyisana noTeboho Mokoena ofake igowuli ekube kuphela kwalo emdlalweni obuseFNB Stadium obusebusuku namhlanje. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Babethwa ngumoya phezulu aBafana Bafana kuGroup G emva kokuba bebethe iZimbabwe ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obunika umdla eFNB Stadium ebusuku namhlanje. UMzantsi Afrika uye emdlalweni unyanzelekile ukuba uphumelele ukuze ukwazi ukubhekela ngamanqaku kwiGhana ekwindawo yesibini. Umsebenzi waBafana Bafana wenziwe lula kakhulu yiEthiopia ebambene neGhana ngegowuli elinye macala emdlalweni obubanjelwe e-Orlando Stadium emalanga namhlanje. UHugo Broos uqale umdlalo ngoKeagan Dolly noPercy Tau abakhe badlala kunye kwiMamelodi Sundowns.

Ismael Wadi of Zimbabwe challenged by Terrence Mashego of South Africa during the 2022 World Cup Qualifier match between South Africa and Zimbabwe on the 11 November 2021 at the FNB Stadium, Johannesburg ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Omabini amaqela asukenele kwisigaba sokuqala kubonakala ukuba afuna amagowuli kwangoko emdlalweni. Udlale kakuhle uMzantsi Afrika usebenzisa kakhulu uKeagan Dolly obedlala ekunene. ABafana Bafana bakhokele ngegowuli elifakwe nguTeboho Mokoena onikelwe ibhola entle nguDolly. Isigaba sokuqala siphele uMzantsi Afrika uhamba phambili. Amakhwenkwe kaNorman Mapeza abuye ngamandla kwisigaba sesibini somdlalo. Adlale umdlalo ophucukile ekhokelwa nguKhama Billiat phambili. Nangona ingakwazanga ukufumana igowuli – kodwa iZimbabwe iwafumene amathuba.

South African fans during the 2022 World Cup Qualifier match between South Africa and Zimbabwe on the 11 November 2021 at the FNB Stadium, Johannesburg ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Mhlawumbi iingqondo zabadlali boMzantsi Afrika besezikomnye umdlalo olandelayo, abakwazanga konke konke ukudlala umdlalo obukekayo kwisigaba sesibini. Iphantse yenza ingxaki lo nto ngoba iZimbabwe ibifuna int’ ibilapha. UMokeona uchongwe njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni. Emva komdlalo, uBroos uwamkele ngovuyo amanqaku amathathu afunyenwe liqela lakhe – kodwa ukwavakalise ukungonwabi kwakhe yindlela elidlale ngayo kwisigaba sesibini. Le yimidlalo ehlahla indlela eya kwitumente yehlabathi eseQatar kunyaka ozayo. UMzantsi Afrika uza kudlala umdlalo wokugqibela kuGroup G neGhana ngosuku lwangeCawe.