Bamakhela igumgedle kwakhona uCaster Semenya

Caster Semenya (L) of South Africa and Georgia Griffith of Australia (third from right) in action during the womens 1500m heat one on day five of the XXI Commonwealth Games, at the Gold Coast, Australia, Monday, April 9, 2018. EPA/DEAN LEWINS AUSTRALIA AND NEW ZEALAND OUT

Umbutho olawula
iimbaleki kwihlabathi obizwa ngokuba yi-International Association of Athletics
Federation (IAAF) kuthiwa uza kunyanzela iimbaleki ezingamanenekazi ezinamdlala
anamandla ngaphezulu kunamanye ukuba ziwacuthe – kungenjalo, abazukuvenyelwa
bakhuphisana nezinye iimbaleki kweminye imigama ebalekwa ngamanenekazi.
Imbaleki yelizwe loMzantsi Afrika, egqugqise ihlabathi kule minyaka esixhenxe
edlulileyo, uCaster Semenya, uphakathi kwezo mbaleki ezakhelwa eli gumgedle.
Isigqeba esilawulayo sombutho olawula imbaleki kulindeleke ukuba senze
isibhengezo ngotshintsho lwemithetho ethile namhlanje. Esi sigqibo silandela uxinizelelo
obelusoloko lufaka kwi-IAAF ziimbaleki zaseYurophu ezingakwaziyo ukumelana
noSemenya xa kubalekwa.

Kutshanje
uCaster ubuye neembasa ezimbini kwiCommonwealth Games – apho agqugqise
kwi-1500m nakwi-800m ngokulandelelana. Kanti uSemenya, 27, ukwayintshatsheli
ye-800m awayiphumelela kwimidlalo ye-Olimpiki. Ngo-2011 kwabakho ingxoxo enzima
kakhulu emva kokuba yenza imithetho emitsha eyayichaphazelayo ikhono likaCaster
lokubaleka. Injongo yaloo mithetha yayikukwakuthoba amandla wamadlala agqithisileyo
kwiimbaleki ezifana noCaster. Le mithetho emitsha kuthiwa iza kumnyanzela
ayokubaleka imigama efana ne-5 000m ukuya kwi-10 000m ukuba akavumi
ukusebenzisa amachiza anokuthi athobe amandla wamadlala wakhe.

Lo mthetho
mtsha uzayo kulindeleke udale ingxoxo kwakhona ngoba uchaphazela amalungelo
wakhe uCaster Semenya njengomntu. Ukuzothi ga ngoku, iSascoc ayikaphefumli
ngalo mba – kodwa ke kunokwenzeka ukuba ilinde kuphume ingxelo ngokuseswikweni.
UCaster wayithobela yonke imithetho eyabekwa ngaphambi noxa wayengakholwa yiyo.
Ingxelo engotshintsho lwemithetha ipapashwe ngamajelo endaba waseNgilane izolo.