Bamwonge esadla amazimba uTat’uGqudu abebhola ekhatywayo eGcuwa!

Igqala leBlackburn Rovers, uMziwothando Makhala, exhagwe nguWonder Mthwa noLungelo Thakatha. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Ulutsha lwaseGcuwa libone kufanelekile ukuba liwonge igqala lebhola ekhatywayo lisadla amazimba. “Enkosi, ngokubonisa uthando lwenu apha kum,” lawo ngamazwi kaMnu. Mziwothando “Gqudu” Makhala ethetha neli phepha ndaba ngoMgqibelo ogqithileyo. “Ukundiwonga kuba bendisenza into ebendiyithanada yinto enkulu kum. Bendiphuhlisa abadlali abancinane kuba ndithanda ndingenanto ndinjalo. Ndandisiba izinto zeBlackburn Rovers kuba ndandifuna ibenalo ihlumela labadlali njengamanye amaqela afana noMthatha Bush Bucks,” utshilo uGqudu emva kokuwongwa kwakhe. UMnu. Makhala, 64, wazalelwa eNgqamakhwe. Waqala ukuhlala kwilokishi yaseMsobomvu, eGcuwa, eneminyaka elishumi. Ebutsheni bakhe, waqala wadlalela iRangers emva koko waya kwiBlackburn Rovers – elinye lamaqela amakhulu kwiphandle ekwakusithiwa yiTranskei ngeentsuku zobandlululo.

Wabangomnye wabadlali ekuthenjelwe kubo ezipalini njengonozinti ekwanguye nomdlali wasemva kwiBlackburn. Zange aphelele apho, emva kokuba eyekile ukudlala ibhola, waba ngumqeqeshi weBlackburn Rovers awayibeka kwinqanaba eliphezulu, iOkay Division. Kodwa iyamkhathaza into yokungabikho kweBlackburn Rovers ayayilibhongo labantu baseGcuwa. “Kubuhlungu ukungabikho kweBlackburn,” utshilo uTat’uMakhala ngelizwi eliphantsi. “Kubuhlungu ngoba yahluthwa apha kum ngumntu endingazange ndadlala naye nebhola. Ndathula ngoba ndandifuna iBlackburn ibe sendaweni ebhetele. Yaya nangoku kwa-Okay Division – kodwa ndasuswa, yaqeqeshwa ngomnye umntu yakube inyuselwe,” utshilo uTat’uGqudu. Abafana abakhuliswa nguye ebholeni abafana noWonder Mthwa, uLungelo Thakatha, uLuxolo Matikinca nabanye – baququzelele itumente yamaqela asibhozo abadlali abangaphantsi kweshumi elinantlanu ebiseMsobomvu Ground.

Leyo ibiyindlela yokuthi “Enkosi” kuGqudu – ixhego elabafundisa ibhola labalungiselela ubomi. “Ndiyavuya oko kude kwafika olu suku. Bendinexhala ngenxa yemozulu embi. Singabadlali ababedlalela uBhuti, sinqwenela kubekho itumente yebhola egameni lakhe unyaka nonyaka ukuze sikwazi ukwenza umahluko ebantwaneni abakhulayo. Ndivuyela intsebenziswano yoogxa bam,” utshilo uMthwa. Yena uThakatha uthe: “Kumandi ukumenzela into uTat’uGqudu esaphila. La mntu wenze indima enkulu ebomini bethu. Sikwazile ukuziphepha ezinye izinto ebomini bethu ngenxa yakhe.” ULuxolo Matikinca, ongumanejala weSekhukhu United ekwaPSL, uyincomile indima eyenziwe nguSis’Nqabsie noTat’uGqudu ebomini bolutsha olusezindaweni ngoku. “Nasolulela izandla ngobubele. Andikhumbuli nolunye usuku esakhe sanibona niqumbile,” utshilo uMatikinca.