Bangangena abalandeli emabaleni ukuba bagonyiwe, utsho uRamaphosa!

Abalandeli ngethuba AmaZulu edlala neRaja Casablanca umdlalo weCAf Champions League kutshanje eMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Emva kweminyaka emibini yonke abalandeli bemidlalo entlobo ntlobo ngakwazi ukuya emabaleni, ngoku bavunyelwe ukubuyela kuwo kwakhona. Oku kuza kwenzeka emva kokuba uMongameli uCyril Ramaphosa enyenyise imiqathango eyamiselwa ukusukela mhla kwafika iKhorona kwilizwe loMzantsi Afrika ngonyaka ka-2020. Kwaye kwanyanzeleka ukuba imidlalo inqunyanyiswe ngenxa yeKhorona eyosulela ikwabulala abantu ngesantya esiphezulu kakhulu. Kunyaka ophelileyo kwabakho ukunyenyiswa kwemithetho emva kokufika kwechiza lokuthomalalisa iKhorona – kodwa abezemidlalo kwathiwa bangafaka amawaka amabini kuphela emabaleni. Linani elincinci kakhulu elo akhale ngalo amaqela adlala kwiDStv Premiership xa ethelekisa neendleko ebezibangelwa yimithetho engqongqo yezempilo kaRhulumente.

Akukacaci ukuba iPSL iza kuthini njengokuba uMongameli ethe abantu abangumlinganiselo wehafu yebala bangangena. Abemidlalo yeCAF, umbhoxo neminye imidlalo bebengenisa amawaka amabini abalandeli – kodwa yona iPSL yagqiba kwelokuba izivale iingcango, ivulele abadlali basasazi kuphela. Abaqeqeshi abafana noManqoba Mngqithi noBenni McCarthy bakugxekile ukufakwa kwamawaka amabini kuphela emabaleni. “Kutheni kufakwa i2000 qha? Ezinye izizwe ziwagcwalisa amabala, abantu baya kwiindawo zolonwabo. Abantu bayatshaya icuba, abanye benza isondo – kodwa amabala akhal’ibhungane,” utshilo uMcCarthy.

Ethetha ngoLwesibini wale veki, uRamaphosa uthe: “Sigqibe kwelokuba iindibano ezisendaweni evalekileyo namabala angangenisa ihafu yabantu abanazo iziqinisekiso zokuba bagonyiwe. Lo nto ithetha ukuthi abantu abagonyiweyo baza kubukela imidlalo emabaleni, baza kukwazi ukuya kwiikhonsathi zomculo nakwezinye iindibano zoluntu.” Kulindeleke abalandeli babuyela emabaleni xa kudlalwa imidlalo yeDStv Premiership kwiveki ezayo. Abaphathi beSaru bakwamkele ngovuyo ukuvulwa kwamabala ngoba balungiselela imidlalo yeSpringbok emikhulu kulo nyaka.