Banikwa ithuba abadlali baseCala yiBlack Aces

Abadlali bebhola ekhatywayo baseCala, * -Atule Tsotso, Anele Thwani noKuhle Ndletyana kulideleke ukuba baye kuvavanyo kwiMpumalanga Black Aces kwinyanga ezayo.

Aba badlali bafumene ithuba emva kokubonwa nguMqeqeshi weJean Marc Ithier Academy, uBatandwa Ntsebeza, kutyelelo lwakhe eSakhisizwe.

Lo mqeqeshi oqale kunyaka ophelileyo ukuncothula italente eCala, uthi uJohn Comitis, othenge iBlack Aces, ungumcebisi nomkhuthazi wakhe kwezi nkqubo zophuhliso lwemidlalo, kwaye uzibophelele ekubeni esi sithathu uzakusivavanya xa eli qela lilungiselela isizini ezayo.

UNtsebeza uthi esi sithathu sabadlali xa esibukele simenza aqiniseke ukuba bangalunga kumgangatho wePSL, baneempazamo ezincinane ezinokulungiseka.

“Esi sithathu ngabadlali bokuqala endibasa kuvavanyo kwiqela elidlala kwiPSL kwinkqubo endiyenza eSakhisizwe, yokuncothula italente, eyaziwa ngokuba yiSakhisizwe School of Excellence. Aba badlali bazakuya kuvavanyo eKapa kwinyanga ezayo, kodwa ekupheleni kwale inyanga ndizakubaqala ngokwam enkampini yoqeqesho eCala nabanye, ndibalungiselela amathuba afana neli, kwaye nabanye bazakuwafumana amathuba kumaqela ohlukeneyo. Ndifuna ukumbulela uComitis ngenkxaso yakhe ayinika abadlali baseZilalini ithuba lokuqaqambisa ikamva labo nelelizwe liphela,” utshilo uNtsebeza.

Uqhube wathi, ngoku into izakuxhomekeka ekufumaneni inkxaso kumashishini norhulumente ukuze aba badlali bakwazi ukuya kwezi ndawo xa bebizelwe uvavanyo. Kufuneka befumene nenkxaso yokugcina isikolo sebhola ekhatywayo saseSakhisizwe esizakusekwa ngokusesikweni ingaphelanga le nyanga siqhuba sinezixhobo.

U-Anele noKuhle baziifolosi aze yena * -Atule adlale embindini webala nasemaphikweni.

U-Atule ofunda ibanga leThoba eCala High, uthe uyalibulela eli thuba ekukudala elilangazelela.