Banyana Banyana: Siyaya eFrance!

UDesiree Ellis ubhiyoza nabadlali bakhe emva kokuba iBanyana Banyana ifumene indawo kwiFifa World Cup emva kokubetha iMali ngo2-0 emdlalweni weAwcon

Abantu belizwe loMzantsi Afrika bavume ingoma ethi “Siyaya eFrance” ngamxhel’omnye ngoLwesibini kule veki.

Ingoma iphenjelelwe yimbali eyenziwe liqela lesizwe lebhola ekhatywayo iBanyana Banyana, elizibekele indawo kwiNdebe yeHlabathi eza kube isingathwe yiFrance kunyaka ozayo.

UMzantsi Afrika ubethe ilizwe laseMali ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emdlalweni weAfrica Women’s Cup of Nations ebanjelwe eGhana.

Impumelelo ezuzwe liqela likaDesiree Ellis ikhumbuze abantu abaninzi eyenziwa yiBafana Bafana eyaqala ukudlala kwiNdebe yeHlabathi eFrance ngo’98.

Zimbini izinto ebezisengqondweni yabadlali nomqeqeshi phambi kokundulukela eGhana: Kukufumana indawo kwindebe yehlabathi nokuqhuba kakuhle kwiAwcon kulo nyaka.

Eyona isemqoka seyiphumelele – kodwa ke ngoku aBanyana Banyana banomsebenzi omkhulu kakhulu ekufuneka bawenze kule mpelaveki xa bequbisana neNigeria emdlalweni wokugqibela oza kube useAccra Stadium ngoMgqibelo.

Umdlalo uza kubanzima ngoba iNigeria ziintshatsheli ezikhuselayo futhi iza kufuna ukubuyisa isixhiba emva kokubethwa nguMzantsi Afrika ngo’1-0 ekuqaleni kwetumente esongwayo ngempelaveki.

UMzantsi Afrika uza kuthembela kwifolosi yayo, Thembi Kgatlana, ofake igowuli lesihlanu kwiAwcon yalo nyaka nakubadlali abafana noKapteni, uJanine Van Wyke – oncame ukudlala eMelika ukuze aqinisekise ukuba iqela liya kwiNdebe yeHlabathi.

UDesiree Ellis uyivuyela kakhulu impumelelo yeqela lakhe, watsho encoma ukuzimisela kwabadlali bakhe nabo bonke abantu abancedisileyo kumalungiselelo phambi kwetumete.

“Umdlalo ubunzima kakhulu. Indlela esiyihlalutye ngayo iMali phambi komdlalo ibichanekile ngoba besiyazi ukuba iza kubanzima. Siye saqinisekisa ukuba sivala bonke abadlali abayingozi – kodwa yonke into ibiphantsi kolawulo lwethu emdlalweni. “Uthe umdlalo xa usiya ekupheleni saqonda ukuba siyenzile eyona nto ebesiyifuna – ukuya kwiNdebe yeHlabathi. Zange sayiphumelela indebe yeAfrika, siza kuzama konke okusemandleni wethu,” utshilo uEllis.