Baphiwe isigidi abadlali beWits

Ingqonyela yePremier Soccer League uliqhwabele izandla iqela elikhokela phambili kwi-Absa Premiership iBidvest Wits. Oku kulandela ukuba iqela lika Gavin Hunt liphumelele iwonga leQ-Innovation, kwikota yokuqala yemidlalo yePSL.

IWits yahlule iPlatinum Stars kunye neMpumalanga Black Aces ekufumaneni eli wonga, ngeCawa iWits ibethe iJomo Cosmos netsala nzima kakhulu kule sizini ngamagowuli amathathu kwelinye.

IClever Boys zifumene imali engange 1.5 yezigidi ngewonga lokudlala kakuhle.

UDe Villiers uthethe wenjenje ngempumelelo yeWits: “Kungenxa yokuqhubekeka bedlala kakuhle kwi-Absa premiership, yilonto ebenze baphumelele ikota yokuqala. Badlale ibhola enikisa umdla kakhulu kwaye elibhaso libafanele.

Singathanda ukuvuyisana nabaphathi beqela, usihlalo, abadlali, umqeqeshi uGavin Hunt kunye nabalandeli ngale mpumelelo yabo.”

Abadlali beBidvest Wits kulindeleke ukuba bahlulelane ngale mali, ngokokutsho komqeqeshi.

IWits iphumelele ngokuqokelela amanqaku alishumi elinethoba kwimidlalo esibhozo, kwaye bayishiya ngamanqaku amane iStars elandela emva kwabo.

IStars sinomdlalo ongekadlalwa nalapho bazakujamelana ne-Ajax Cape Town. UHunt khange ayithathele phezulu into yokuphumelela ikota, njengokuba owona mqweno wakhe ikuphumelela indebe ye-Absa premiership kule sizini.

Kodwa imali uthi sisibonelelo sabadlali ngokudlala kwabo ngokuzimisela.

“Siphumelele ikota yokuqala, le yindlela yokuthi enkosi kubadlali, kwaye izakuba yimalana esecaleni kubo, intle kubo lonto kodwa ngoku masijonge phambili,”utshilo emva kokuba bebethe iCosmos.

Komnye umdlalo wangeCawa iMpumalanga Black Aces ibethele ekhaya i-University of Pretoria ngegowuli elinye eqandeni.