Baqulunqa imithetho yamanqindi eChris Hani

Kuzakubanjwa ingxikela yentlanganiso ngamaqela onke amanqindi eChris Hani ngomhla wamashumi amabini anesithathu kule imiyo kuKomani.

Le ntlanganiso izakube iyeyokuqala kulo unyaka kwaye ijolise ekucaciseleni amaqela ngeenkqubo ezizakuqhutywa kulo unyaka kwanemithetho emitsha ezakulandelwa xa kuqala imidlalo.

Umququzeleli wemidlalo yamanqindi eChris Hani, uMabhuti Mapeyi, uthe: “Imiba ezakube iphambili kule ntlanganiso iquka umthetho omtsha wokuba zonke iimbethi manqindi ezineminyaka esukela kwishumi elinesithandathu ukuya kumashumi amane zibe nezazisi kungenjalo azizukwazi ukudlala kulo unyaka.

Lo mthetho unqanda ingxaki ebesinayo yamaqela athi ehlisela okanye onyusele iminyaka yabadlali kuba efuna ukufezekisa iminqweno yawo, abe ebulala imidlalo nekamva labantwana.”

Le nkokheli ihambise yathi bazakushukuxa nemiba yenkxaso abangayifumaniyo koomasipala babo, iindawo zokuziqeqeshela ezingekho mgangathweni, baqinisekise nokuba amaqela anabadlali bawo yonke iminyaka efunekayo.

Umba wenkxaso uvela kakhulu emva kwesiganeko esehle kunyaka ophelileyo sokuba ingxikela yetumente eyayizakwenziwa yile ngingqi imeme abanye oomasipala ingazange iphumelele ngenxa yeemali ezinkulu ezazifunwa ngumasipala ngeholo yakuKomani.

Emva kwale intlanganiso abadlali abaneminyaka esukela kwishumi elinesihlanu ukuya kwishumi elinesibhozo baza- kuqeqeshwa. Kulungiselelwa imidlalo yeSada District ezakuba ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga ezayo.Leyo imidlalo izakube ingamalungiselelo, eMarch Provincial trails zale minyaka ikhankanyiweyo.

UMapeyi uvale ngokutsho ukuba nakulo unyaka le ngingqi izakuqhubeka nokuveza iintshatsheli zephondo .