Bartlett: Kufuneka sizibhence

Akaxolanga uShaun Bartlett. Uxakanisekile emoyeni wakhe ngenxa yomdlalo ongacacanga odlalwe liqela lakhe ngempelaveki.

AmaTuks aguqiswe phantsi ziidyongo ezidlala kwiNational First Division, iMbombela United, ngo’1-0 eTuks Stadium kumdlalo wekuzama indawo kwi-Absa Premier Soccer League kwisizini ezayo. Izama indlela yokubuyela kwinqanaba eliphezulu i-University of Pretoria emva kokuba ivale isizini ka’2015/16 kwiPSL ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu.

Ngoku uBartlett, ofike kweli qela izinto zingalihambeli kakuhle kwisizini ephelileyo, uzama indlela yokulibuyisela phezulu, kodwa iqela lakhe liwenze nzima umthwalo ngokuvumela iMbombela ihambe namanqaku. Akululanga ukudlala namaqela adlala kwiNFD ngoba ayazijula futhi adlala ngokuzimisela xa edibene nala adlala kwiPSL. Ngoku kulindeleke uBartlett enze ngokufanayo nangokuya wanceda iGolden Arrows xeshikweni idlala kwaNFD, kodwa iyamkhwinisa indlela abadlali bakhe abaziphethe ngayo ngempelaveki. “Asidlalanga ngale ndlela ibilindelekile.

Kweli ityeli iqela lilonke khange lilwe. Ndiphoxekile yindlela abadlale ngayo abadlali bethu. Kufuneka sizijonge noko, kubalulekile ukufumana eyona nto ibangele ukuba siphulukane nomdlalo,” utshilo uBartlett. Ukuba eli qela laseTshwane alilungisi kuhlala kwixesha elizayo, kunokwenzeka lizibhaqe lithotyiselwa. Umdlalo ozayo ngowona unzima ngakumbi ngoba AmaTuks azakuthathana neHighlands Park FC edlala umdlalo ophucukileyo kakhulu ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeSilimela.

Ayiqheliseli ke iHighlands Park, seyibethe iMbombela United ngamagowuli amathahu eqandeni kumdlalo odlulileyo. Iqela eliphume phambili lakuthi lidlale kwiPSL kwisizini ezayo.