Bathenjiswe ngezigidi aBanyana Banyana ukuba beze nendebe ekhaya

Amanenekazi adlalela iqela lesizwe lebhola ekhatywayo athenjiswe ngesityhwentywe semali ebalelwa kwizigidi ezilishumi zonke zerandi ukuba nje angaphumelela indebe ye-African Women Cup of Nations (AWCON). Ekuqaleni kwale veki, aBanyana Banyana bahambile besinge eMorocco – apho kuza kudibana khona amazwe aphambili ebholeni kwizwekazi le-Afrika. Emva kokuba uDesiree Ellis ebhengeze amagama wabadlali aya ngabo edabini, uMongameli weSafa uthembise abadlali ngelithi baza kunikwa ibhonasi entle kakhulu ukuba bangabuya nendebe. Imali ebekelwe aBanyana Banyana njengokuba beseMorocco zizigidi ezilishumi zonke zerandi (R10-million).

Banyana Banyana. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Siza kuchitha imali engamakhulu asibhozo amawaka erandi (R800-million) kwizinto ezifana nendawo yokuhlala, ukutya nokuhamba. Imali ezizigidi ezilithoba zerandi (R9.2-million) iza kuba yibhonasi abaza kwahlulelana ngayo abadlali ukuba bakwazile ukubuya nendebe,” eso sisithembiso sikaDanny Jordaan. UMzantsi Afrika uphakathi kwamazwe anawo amandla nabadlali abanokuyiphumelela indebe ye-AWCON. “Le yindlela esizibophelela nesifuna ukubabonisa indlela esibathemba ngayo aBanyana Banyana. Imali esibathembisa ngayo yeyona mali eninzi eyakhe yafunyanwa liqela lesizwe kwi-Afrika yonke. Siza kunibhatala eyona mali ininzi kuba sifuna nisebenze ngokuthe chatha ukuze kuguqune nebhola yaseMzantsi Afrika,” utshilo uJordaan.

UKapteni waBanyana Banyana, uRefiloe Jane, uliqhwabele izandla inyathelo elithathwe zizikhulu zeSouth African Football Association. “Wenze la nto uqhele ukuyithetha ethi ufuna thina (badlali) similisele iingqondo zethu ekudlaleni ebaleni kuphela. Umba webhonasi besizile kuwe ngawo. Okwenzileyo kuyinkuthazo kakhulu ebadlalini. Into esiyifunayo kukuya kwiAfrica Women Cup of Nations simele ilizwe lethu,” utshilo uJane kwindibano ebiseGoli phambi kokunduluka kweqela. UMzantsi Afrika uza kudibana neNigeria emdlalweni kaGroup C wokuvula oza kube useStade Moulay Hassa, eRabat, ngomhla wesibini kwinyanga ezayo. Amanye amazwe akuGroup C aquka iBotswana neBurundi.