Bavele enkundleni abaqhwaya udushe eMabhida Stadium

Fans vandalize the stadium during the 2018 Nedbank Cup match between Kaizer Chiefs and Free State Stars at Moses Mabhida Stadium, Durban on 21 April 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amadoda
amathathu arhanelwa ngokubandakanyeka kwizenzo zodushe eMoses Mabhida Stadium
avele enkundleni kamantyi okokuqala namhlanje. Indoda nganye kula madoda ikhululwe
ngebheyile yewaka lerandi (R1 000) aze ayalelwa yinkundla ukuba
angasondeli emidlalweni yebhola aphinde abesenkundleni qho ngomhla wetyala. Amapolisa
anqakule avalela esi sithathu [sabalandeli bebhola] kuba ekholelwa ukuba ngamanye wabantu abambonzeleka
kwabalandeli ebaleni baze bonakalisa nezinto ezininzi.

Amagama wala
madoda nguKhwezilomo Madiba, uSiphosenkosi Memela noJohn Khumalo – bonke babekwe
ityala lokwenza udushe esidlangalaleni nokophula umthetho olawula ukhuseleko
emidlalweni. Iingxelo zithi la madoda azimisele ukuma zonke izityholo
azibekwayo. UMemela ukhethe ukuzifunela igqwetha lakhe kwaye kukho into ethi
ingathi nguye owabonwa kwiVidiyo esonakalisa imatshini wokushicilela (Camera)
weSuperSport.

Imifanekiso
yakhe ijikeleze kakhulu kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook emva kwesa
sehlo saseMoses Mabhida Stadium emva kokubogqogqwa ngabantu abasebenzisa
amakhasi onxubelelwano. Umantyi, uMnu. Mohamed Mota, uthe la madoda kufuneka
acinge ngomonakalo owenziwe zizenzo zawo elizweni. Uphinde wathi njengabantu
asebekhulile, bekufaneluba bakhe bacinga phambi kokuba benze.

Umasipala waseThekwini
uxelele iintatheli kwiveki ephelileyo okokuba umonakalo waseMabhida uqikelelwa
kwizigidi ezibini ezinesiqingatha (R2.6-million) nabanti abaphaya kwishumi
elinesibhozo abashiyeka bonzakele. Emva kwesehlo, usihlalo wePSL, ugqirha Irvin
Khoza, watyhola amapolisa ngokungawenzi umsebenzi wawo. Ngoku la madoda
mathathu ayakubuyela enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kule
nyanga kaCanzibe (25 May).