Bavuma: Iingqondo zethu sonke zisemdlalweni weqakamba

UTemba Bavuma ngumdlali noKapteeni weProteas. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba lintingele e-India ekuqaleni kwenyanga yeSilimela apho liyokudlala khona imidlalo emihlanu (T20 Series). Yonke imidlalo yeProteas ibaluleke ngendlela emangalisayo ngoba ilungiselela itumente yamazwe ehlabathi eza kube iseAustralia ekupheleni konyaka. UKapteni weProteas, uTemba Bavuma, uhambe encumile ngoba iqela lakhe liza kudibana naMandiya likwisimo esingcono kakhulu kuneminye iminyaka emva sokuswatyululwa kwamaqhina abesoloko esokolisa iqakamba yaseMzantsi Afrika. Phakathi kwezo zinto ibizizityholo zobuhlanga ebezityatyekwa uMark Boucher phambi kokuba abengumqeqeshi weProteas.

UBoucher uye wabhungca emva kokuchithwa kwetyala ngenxa yeCricket South Africa (CSA) ingazange ibenawo amangqina ngomhla wetyala. UBavuma ukubona ukunqumama kweengxoxo ngeqela lakhe njengento ebangela kubekho uzinzo olupheleleyo enkampini phambi komdlalo wokuqala ngomso (Lwesine).

“Kukho inzolo enkampini emva kokuphela kwengxolo ebikade ikhona eqakambeni yethu. Njengokuba zonke izinto zigqityiwe, nathi sitsho sakwazi ukubeka iingqondo zethu emdlalweni. Bekukhe kwanzima kakhulu kuthi sonke – kodwa ndiyancoma ngoba sikwazile ukuziphatha izinto ngendlela efanelekileyo. Kwiinyanga ezigqithileyo, besisoloko sithetha nabadlali kuba besifuna kungabikho nto ephazamisa iingqondo zabo,” uthilo uBavuma phambi kokunduluka kweqela kutshanje.

Imiba yeqakamba isoloko ibohlula phakathi abantu baseMzantsi Afrika kuba iqakamba ibithathwa njengomdlalo wabantu abamhlophe. “Okuye kwasinceda kakhulu kukuba bekungekho yantlukwano phakathi kwabadlali nabaphathi beCricket South Africa. Thina singabadlali, kuyasivuyisa ukuya emidlalweni kungekho ngxoko esiphazamisayo ezingqondweni zethu okwalo mzuzu,” uthilo uBavuma. Okunye okuncumisayo ngeqela lesizwe loMzantsi Afrika kukuba alinazo iingxwelerha. Lo nto ilinika amandla okujongana ngqo naMandiya kungekho nto ephazamisayo.