Bawatshayele amawonga abaseMpuma Koloni kwiSA Sports Awards

USiya Kolisi noMakazole Mapimpi bevuyela impumelelo yeSpringbok kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Mark Lewis/Huw Evans/Shutterstock/BackpagePix

Isebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni libaqhwabele izandla bonke abazithaphulele amawonga aphezulu emsithweni obubanjelwe eThekwini, KwaZulu-Natal, kwimpelaveki egqithileyo. Emsithweni wokuwonga bonke abathe bagqwesa emidlalweni entlobo ntlobo obuququzelelwe lisebe leZemidlalo kuzwelonke, abantu abafana noJohan “Rassie” Erasmus, uSiya Kolisi, uMakazole Mapimpi, uAkhona Makalima noTschops Sipuka babuye bephethe iimbasa zexabiso. URassie Erasmus ufumene iwonga lomqeqeshi oqaqambileyo. UMakalima uzibambele iwonga lomntu owenze umsebenzi ogqibeleleyo kwezemidlalo eMzantsi Afrika.

Noxa uKolisi efumene iwonga alibalulekileyo – kodwa umntu ofumane iwonga elikhulu kakhulu nogqwesileyo kwezemidlalo ibe nguMapimpi. Emva kokwamkela iwonga, uKapteni weSpringbok, ubulele bonke abenze umahluko ebomini bakhe njengomdlali wombhoxo. “Akuqheleki ukwamkela iwonga lakho usisiqu ube udlala nabanye abadlali ebaleni,” utshilo uKolisi odlalela iCell C Sharks. “Kodwa nangona kunjalo, ndifuna ukubulela bonke abaqeqeshi noogxa bam abandixhasayo. Into ekufanele siyenze ngoku singamadoda kukuthetha ngokulinganiswa kwamadoda namanenekazi kwicala lezimali emidlalweni. Ukuba sithe cwaka, sobe lubekhona utshintsho,” utshilo uKolisi.

Yena uMapimpi uthethe wenjenje: “Enkosi kubo bonke abaqeqeshi nakuye wonke umntu ondixhasileyo.” UNkomonye, obephakathi kweendwendwe ezihloniphekileyo emsithweni, uvuyisene nabo bonke abawongiweyo ngenxa yemisebenzi emihle watsho esithi ukuphumelela kwabo kubonakalisa indima enkulu eyenziwa ngabantu baseMpuma Koloni kwezemidlalo. “Sonelisekile linani leembasa elibuye nabantu baseMpuma Koloni. Ibalula indawo yethu kwezemidlalo eMzantsi Afrika kwaye iyasikhuthaza ukuze siqinise ngakumbi kuphuhliso lwabntu abatsha. Sizimisele ukuba ngumthombo wabantu abatshotshentla kwezemidlalo kweli lizwe,” utshilo uNkomonye, ethetha neli phephandaba.