Abadlali abaphambili kwiKaizer Chiefs nakwibhola yoMzantsi Afrika nje ngokubanzi, * -Itumeleng Khune nogxa wakhe * -Eric Mathoho, bazakuthi bathathe inxaxheba kumdlalo ojongwe ngamahlo abomvu ngabalandeli phambi kokuba baye kwiqela lesizwe elizakudlala kwi-Olimpiki zalo nyaka eRio De Janeiro kwinyanga ezayo.
UKhune noMathoho bathe banethamsanqa lokuqukwa kwiqela lika-Owen Da Gama njengabadlali ekuphela kwabo abangaphaya kwamashumi amabini anesithathu eminyaka. Ngaphambili ingqonyela yeSAFA, uDennis Mumble, ithe eyona nto ibalulekileyo zii-Olimpiki, kodwa iChiefs ithi abadlali bazakudlala kwiCarling Black Label ekupheleni kwale nyanga. “Sesizenzile izicwangciso nomqeqeshi weSA Under-23, uDa Gama. Abadlali bethu bakuya enkampini ye-Olimpiki emva komdlalo weCarling Black Label,” utshilo uBobby Motaung kwingxelo ekhutshwe yiChiefs. “Kufuneka silixhase iqela lesizwe, kodwa kufuneka siwahloniphe amaqumrhu axhasa ibhola,” utsho uBobby.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo