Baxhalabile abadlali beBlack Aces

Abadlali beMpumalanga Black Aces abazi nokuba kuzakwenzeka ntoni ngabo emva kokuba lithengisiwe iqela labo. AmaZayoni athengiselwe uJohn Comitis ngokusesikweni.

Oko kungqiniwe ngabaphathi beBlack Aces naye uComitis. Umdlali we-Aces ucatshulwe ngamajelo eendaba esithi bave nje kuthethwa ngayo lo nto ngamaphephandaba, akukho bani ozikhathazileyo kwi-Aces wabaxelela ngezo ndaba.

“Sizibonile izinto ezibhaliweyo kodwa asazi kwanto thina.” Umnikazi weBlack Aces omtsha, uComitis kuthiwa useseMelika apho intombi yakhe ifunda khona, akwazeki nokuba uya- kubuya nini na.

Njengokuba eli qela lithengisiwe kulindeleke ukuba lihlale eMpumalanga unyaka ubemnye phambi kokuba liye eKapa. Lowo ngumthetho wePremier Soccer League olandelwayo xa kukho iqela elithengiweyo.

Yonke inkqubo yothengiswa kwe-Aces sele igunyazisiwe yiPSL. Imali ethengiswe ngayo ayaziwa, kodwa iqikelelwa kwikhulu lezigidi zeeRandi.