Baxoza mphini wumbi emanqindini

Iziphatha-MANDLA emanqindini zixoza mphini wumbi emva kokungabhataleki kweembethi-manqindi ezathatha inxaxheba kwiitumente ezohlukeneyo kweli phondo.

Umphathi weWonder Boy Boxing Club, uMapetla Mzamo, nokwaligqala ngomnye wabantu abalwa umkhuba wokungabhatalwa kweembethi-manqindi uthethe wenjenje, “Abaphathi nabaqeqeshi bavule ingxowa-mali eza kuncedisana neembhethi-manqindi ezichaphazelekayo. Sikwiphulo lokukhucula lo mkhuba mbi emanqindini kwaye yonke into siyenze ngokusemthethweni sibambisene nesebe lezemidlalo nebhodi elawula amanqindi kuzwe lonke. Bavumelekile abantu abafuna ufaka isandla ukuze sizokwazi ukufumana amagqwetha aza kusa lo mba enkundleni.”

Lo mkhwa wokungabhatali abadlali namagosa aphethe imidlalo awukho mtsha emanqindini nanjengokuba uPhathutshedzo Dongola weLimpopo Boxing Champions Promotions wathi wahluthwa ilayisenisi yakhe yokusebenza emveni kokungahlawuli iimbethi-manqindi ezazilwe kwitumente eyayiququzelelwa nguye.

UDicksy Ngqula, umququzeleli wePremier Boxing League, usemanzini ashushu emva kokungabhatali iimbethi-manqindi ezathatha inxaxheba kwitumente yakhe imali engapha kwesigidi seerandi.

Umphathi okwangumququzeleli wasePhilippines, * -Emmanuel Pinol, lelinye lamaxhoba ezi ziganeko xeshikweni wayethatha inxaxheba kwitumente yeMamali Promotions ephethwe nguSphatho Handi.

UPinol oweza kweli nembethi-manqindi uRey Loreto, intshatsheli ye-IBO World kudidi lweJunior Flyweight ngelixa babezokukhusela intshinga yabo kowayesakuba yintshatsheli yomhlaba amatyeli amabini, uNkosinathi Joyi, zange ayifumane imali yalo mlo.

Kanti wathathelwa amanyathelo aqatha uHandi ngeli lixa kunqunyanyiswa amaphepha okusebenza.