Baxoza omny’ umpini embhoxweni

Yonke imibutho elawula umbhoxo ngokohlukana kwayo neendawo ekuzo iyinqumamisile imidlalo yonke ngenxa yesifo esinwenwa ngokukhawuleza ekuthiwa yicorona.

Nakubeni kunjalo, iingxelo zithi umbutho olawula umbhoxo apha eMzantsi Afrika ujoza umnye umphini.

Ingqonyela yeSouth African Rugby, uJurie Roux, ithi umbutho wakhe ukhangela indlela enokuthi incede ukuze imidlalo yeVodacom Super Rugby nePRO14 iqale ingaphelanga isizini.

Kwimpelaveki egqithileyo, iSanzaar igqibe kwelokuba iyinqumamise yonke imidlalo yeSuper Rugby.

Kanti nayo iPRO14 izeke emzekweni ngelizama ukubamba ukunwenwa kwecorona. Iingxelo zithi ukuba kuphela iinyanga ezimbini kungekho mahluko, ingachithwa imidlalo yale sizini.

Kanti yona kwelayo icala iSA Rugby izama indlela enokuthi iqhubele phambili imidlalo yayo phambi kokuba kuphele isizini.

“Asikanikezeli ngokupheleleyo. Sisathetha namahlakani wethi ngeenjongo zokukhangela isisombululo ukuze iqale kwakhona imidlalo phantsi kwemiqathango engqingqwa yempilo,” utshilo uRoux.