Baxter: Sifuna ukuphumelela indebe kule sizini

Umqeqeshi weSuperSport United uStuart Baxter ukungqinile ukuba ifolosi yakhe uJeremy Brockie ikulungele ukudlala kumdlalo wangokuhlwa ngomso weNedbank Cup, phakathi kweSuperSport neMpumalanga Black Aces e-Attridgeville.

UBrockie khange adlale kumdlalo weCawa ophelileyo, nalapho iSupersport yabetha khona iPlatinum Stars ngamagowuli amabini eqandeni. Le nzalelwane yaseNew Zealand inamagowuli alishumi elinesihlanu egameni layo kule sizini, uzakube ekhona kumdlalo weSuperSport kunye naMaZayoni. “UBrockie ebengekho kumdlalo wethu nePlatinum Stars ngenxa yezizathu zakhe ezithile, ukhona ngoku,”utshilo uBaxter.

ISuperSport ihleli kwindawo yesixhenxe kwiPSL, ngelixa iBlack Aces ikwindawo yesihlanu. Ngenxa yesi sizathu, uBaxter ukholelwa ukuba iqela lakhe lilo elijongelwe phantsi ukuya kulo mdlalo, kodwa usenalo ithemba lokuba angaphakamisa indebe kwisizini yakhe yokuqala kwiSuperSport.

Liphupha lakhe nawuphi na umqeqeshi ukuphakamisa indebe. Abafana bam bafanelwe kukufumana indebe noba inye kule sizini, emva kokusebenza nzima,” utshilo uBaxter. Ithemba likaBaxter lizakube lilele kubadlali abafana noKingston Nkatha nowafaka elinye lamagowuli eSuperSport kwiveki ephelileyo.

UCollins Mbesuma uzakuba lithemba elikhulu leAces kulo mdlalo, njengoyena mdlali uhamba phambili ngamagowuli kule sizini kulindeleke ukuba afake uxinizelelo kubadlali bangemva beSuperSport.