Bayabuya ookapteni beStormers kule mpelaveki

IStormers siza kungena ebaleni liphezulu izinga lokuzithemba kubadlali beli qela, emva kweendaba zokuba bayabuya ookapteni uJuan de Jongh noFrans Malherbe.

Aba badlali baqinisekisiwe ukuba bakulungele ukudlala kumdlalo weSuper Rugby phakathi kweStormers neWaratahs, eNewlands ngomso.

UDe Jongh wayebekelwe bucala kuleveki iphelileyo ngoMvulo, emva kokuba wafumana ukwenzakala entloko kumdlalo weStormers neLions. UDamien de Allende uye wazifumana enoxanduva lokudlala aphinde akhokele iqela, kwaye lento iwuchaphazele kakhulu umdlalo wakhe.

Ngaphandle kokonwaba komqeqeshi, uRobbie Fleck, uDe Allende naye uzakukhululeka xa eyazi ukuba iikapteni zesiqhelo zibuyile.

Umdlali ogabangxayo uScarra Ntubeni kulindeleke ukuba naye abuyele ebaleni emva kokwenzakala emsipheni, waphoswa yimidlalo emibini yeStormers. Lo mdlalo uzakuqala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa.