Bayazilolonga eMthatha

Usaziwayo, uTumie Ngumla, ebeyinxalenye yephulo lokukhuthaza impilo entle eMthatha

Usaziwayo, uTumie Ngumla, ebeyinxalenye yenkqubo ekhuthaza uluntu ukuba luhlale lusempilweni ebisindlekwe yi-ACETRAIN Fitness Club kwiveki ephelileyo eSports Field kwidolophu yaseMthatha.

Eli phulo lokuzilolonga lasungulwa kwinyanga yeNkanga ngo-2015, kulo kukho iintlobontlobo zokuzilolonga ezijoliswe ekwehliseni ukutyeba nobukhulu emntwini.

Bajongene nayo yonke iminyaka yabantu equka ezembaleki kunye nabantwana kwinkqubo zokuzivocavoca ngaphandle kwentlawulo kubahlali base-O.R. Tambo.

“Nanjengoko ndiyenye yeenzwakazi ezilolongayo ngokuzivocavoca nokubaleka, ndifuna ukwenza umntu ohluke ngokwasempilweni,” utshilo uTumie Ngumla.

“Abantu abadala nabantwana basela amayeza ukwehlisa umzimba kunye nokungula. Uyofika belukroza kwiindawo ezithengisa amayeza nakoosiyazi beyofuna into engazubagqibelelisa kwiimpilo zabo. Bebaleka eyona nto ilungileyo – ukuzilolonga,” utshilo uNgumla.

Kanti ongusekelamphathi kwiACETRAIN, uMathemba Mathola, uthe ukuzivocavoca kushiya amalungu omzimba ekhaphukhaphu; kungabikho lula ukuhlaseleka nakwizifo.

“Bonke abantu bakhona ngobunintsi, kobekelaphi kwezayo iminyaka kuba isengumjikelo wesibini lo walo nyaka. Abantu kungcono xa beyibona kwaye beyiqaphela into yokuba soze ude ubefithi ngokupheleleyo usitya amayeza odwa ungazivocavoci,” utshilo uMathola.

“Sinosaziwayo ophaya kuKabelo Mabalane owayephuma neligqala kumculo weKwaito iTkzee kunyaka ophelileyo. Umzimba wam ngobukhulu ndandingathi ndiyihagu le izosiwa efadesini.

Ndacedwa kokuzivocavoca ndisesispotwana nje. Wena uphosiweyo likhona iholo apha eSport Field ungathi uphosiwe uzozivocavoca ngegoma,” ubulele ngelitshoyo uMathola.

Nanjengabantu abayixalenye yale Boot Camp nale Warrior Race bathi baphose esivivaneni kuluntu ngokubanzi. Abantwana abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo bamenyiwe ukuze babeyinxalenye yempilo nobomi babo.

– isibhalo@inl.co.za