Baza kumela ilizwe kodwa abawoywanga nguMnquma

Umdlali waMabhokobhoko, uAphiwe Mngwevu, uza kumela uMzantsi Afrika. Umfanekiso: Anele Raziya

Okokuqala
ezimbalini, abadlali abaphuma kuCentane naseNgqamakhwe, eMnquma baza kunxiba ijezi
yeqela lesizwe embhoxweni. Amanenekazi adlala umbhoxo uAphiwe Mgwevu (20)
waseNgqamakhwe, uYonela Ngxingolo (20) noLusanda Dumke
(21) bakuCentane bayinxalenye yeqela lesizwe labasetyhini eliza kukhenketha
amazwe amathathu kule nyanga eYorophu. Abadlali beNgqamakhwe Eagles bachongwe
emva kokudlala umdlalo oncomekayo kwiBorder. 
Amabhokobhoko
aza kudlala neChina, iNgilane neSweden kutyelelo lwawo. Umqeqeshi wezi nzwakazi,
uMnonopheli Gwija, uchulumance kakhulu kukuchongwa kwabadlali njengoko esithi zenze
imbali. “Ngabantwana bokuqala abaphuma kwindawo yaseNgqamakhwe
nakuCentane abaza kudlalela iqela lesizwe lo mbhoxo wabasetyhini,”
kutsho uGwija.

Aba badlali baqala ukuzimanya nomdlalo
wombhoxo beneminyaka elishumii elinesibini. Ukuphuma kwabo kumakhaya
angathantweni yenye yezinto eyabenza bazifumane benothando lo mbhoxo. “Eyona
nto eyakhuthaza abantwana kumdlalo wombhoxo kukufumana into esiwa phantsi
kwempumlo xa besejimini nasemidlalweni, ” utshilo uGwija. Ngenxa
yokuba kwakungekho kutya kumakhaya wabo kwaye bekhulela kwezo meko zimbi.

Ukuphuhla
kwezakhono zabo kuqale ngo-2014 ngethuba bechongwa yiBoarder ukuze bamele iqela
le phondo. Ngo-2015 bafumana ithuba lokuya e-United Kingdom – apho baqeqeshwa
isithuba esingangeeveki ezimbini kulungiselelwa ukuvuselelwa kweqela
lesizwe lamanenekazi. UDumke wenza unyaka wokuqala eFort
Hare University,
abanye besenza uGrade 12 eNgqamakhwe.

Namhlanje
(Lwesine) bayanduluka kwisikhululo senqwelontaka saseKapa. UGwija ucele noMasipala
waseMnquma ukuba uncedise kuphuhliso lezemidlalo njengoko bengafumananga
kwankxaso abantwana nangona bephakamisa igama laseMnquma. Ukwabulele
noMandla Makalima asebenzisana naye kuphuhliso lomdlalo wamanenekazi.