Baza kuvuzwa abadlali beFort Hare University, utsho uBuhlungu

IFort Hare University ziintshatsheli zeSasol National Championships. Umfanekiso: Safa

Kulindeleke ukuba bagoduke bencumile abadlali beqela lebhola ekhatywayo laseFort Hare University emva kokuba betshatshele kwiSasol National League Championships. Isithembiso senziwe yiNqununu yaseFort Hare emva kokuba iqela laseMpuma Koloni libethe iLindelani Ladies ngo’4-3 kumapenela emdlalweni wokugqibela obuphele ebambene ngeqanda eDr Molemela Stadium emva kwemini ngeCawe egqithileyo. IFort Hare University ifumene indebe ekhatshwa yimali engamakhulu amabini amawaka erandi (R200,000).

Ukuphumelela kwayo iFort Hare kuthetha ukuthi iza kudlala kwiHollywoodbets Super League kwisizini ezayo. Lo nto ilibeke kwisithathu inani lamaqela aseMpuma Koloni aza kuthatha inxaxheba kwiSuper League yamanenekazi adlala ibhola ekhatywayo.

Abadlali beFort Hare badlale kakuhle eBloemfontein bekhuthazwa bubukho ngeNqununu yabo, uProf. Sakhela Buhlungu nesikhulu esijongene nemiba yabafundi, uLufuno Tshikhudo.

“Noxa ndingazukuxela iinkcukacha, abadlali baza kuvuzwa ngokuthatha iqela balise kwiSuper League,” utshilo uBuhlungu. Yona noko iFort Hare ayizukufana namaqela atsala nzima kwicala lezimali afana neCity Lads yaseGqeberha neThunderbirds Ladies yaseGcuwa.

Okuhle ngeqela elinyuselweyo kukuba izinto zalo ziza kwahluka ngoba liza kufumana inkxaso yesikolo. UBuhlungu uqinisekisile ukuba isikolo siza kuqinisekisa ukuba iqela lifumana inkxaso epheleleyo.

“Siza kuqinisekisa ukuba iqela lifumana izinto ezifunekayo. Okumnandi ngeziko lethu eDikeni kukuba yindawo eyixabisileyo imidlalo. Kweminye imidlalo isikolo sethu siqhuba kakuhle. Ngoku sinamantombazana adlala ibhola kwinqanaba eliphezulu.

Sinazo iindawo zokudlalela. Kunokwenzeka zingabikho emgangathweni ofunekayo – kodwa siza kucela isigqeba esilawulayo sifake imali eza kuziphucula,” utshilo uBuhlungu. UMongameli weSafa, uDanny Jordaan, uvuyisene neFort Hare University yaseMpuma Koloni.