Baza kuyibek’apha kuKagiso Rabada

Emva kokuphumelela kwesibheno sikaKagiso Rabada kule veki, abadlali beAustralia bayangcangcazela phambi komdlalo wovavanyo namhlanje.

URabada uza kudlala ngomzimba okhululekileyo emva kokuba umbutho olawula iqakamba, i-ICC, uguqule isigwebo semidlalo emibini engadlali uRabada emva kokugilana ngegxalaba noSteve Smith ekuqaleni kwale nyanga.

Ngenxa yokungoneliseki sisigwebo, iCricket South Africa, ichonge ingcungela yegqwetha uDaluxolo “Dali” Mpofu ukuze ibe yiyo echophela isibheno.

Ukuguqulwa kwesigwebo sikaRabada ziindaba ezimnandi kakhulu kwiProteas nakuMzantsi Afrika ngokubanzi ngoba ngoyena mdlali ekuthenjelwe kuye emva kokuvuthulula iAustralia kwimidlalo egqithileyo. Umqeqeshi weProteas, uOttis Gibson, ukholelwa kwelokuba umdlali wakhe usifundile isifundo emva kokurhoxiswa kwesigwebo.

“Ndiqinisekile ufunde isifundo kule veki. Andiqondi ukuba uyakuphinda ayenze impazamo enje kwakhona. Kufuneka ayigade indlela abhiyoza ngayo. Andifuni kuthi unengxaki nokuziphatha ngoba ungumntu ohloniphayo kakhulu. Ebeza kuphoswa uKG, into ebangele iCSA ibhene kukuba sibone isigqibo se-ICC singenabo ubulungisa,” utshilo uGibson.