Kulindele ukuba lamkelwe njengamaqhawe iqela lesizwe lebhola ekhatywayo xa lifika e’O.R.Tambo International Airport ekuseni ngoLwesithathu wale veki. Oku kuza kwenzeka emva kokuba aBafana Bafana bedlale kakuhle kwiAfrica Cup of Nations abafumene indawo yesithathu ekhatshwe yimbasa yeBronze.
Nakubeni bewiswe yiNigeria kwiipenela emdlalweni ophambi kowokugqibela – kodwa abantu babaqhwabele izandla aBafana Bafana ngenxa yomsebenzi omhle abawenzileyo kwiAfcon esongwe kwiveki ephelileyo e-Ivory Coast.
Endleleni yabo badlule emazweni ayingozi ebholeni ekhatywayo aquka iNamibia, iTunisia, iMorocco neCape Verde. Phambi kweAfcon, uHugo Broos, wathembisa ngokusa iqela lesizwe kumjikelo wesibini – kodwa abantu abaninzi zange bayithembe lo nto.
Ithe yakwenzeka abantu batsho babaxhasa aBafana Bafana abazamileyo ukubuyisa isidima soMzantsi Afrika ebholeni ekhatywayo. Okwenza abantu bavuye kakhulu kukuba kudala wagqibela ukwenza umsebenzi ocacileyo kwitumente enkulu.
Ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukubuya nembasa nebronze, uye wabetha iDemocratic Republic of Congo ngo’6-5 kwiipenela emva kokuba umdlalo waphela iliqanda macala. Nakubeni beni aBafana Bafana bengakwazanga ukudlala ngendlela eqhelekileyo – kodwa umqeqeshi ubaqhwabele izandla abadlali bakhe watsho esithi bebedibene neqela eliphumle ngaphezulu kunaye. URonwen Williams wenze ezibukwayo kwakhona ukuze uMzantsi Afrika uphumelele. Emva koko uye wanikwa iwonga likanozinti obalaseleyo kwiAfcon.
“Benditshilo emva kokudlala neNigeria ukuba ndiyazingca ngeli qela futhi wonke umntu ubonile kutheni kunjalo. Lidiniwe iqela lethu. Sidlale imidlalo emibini esiye kwiipenela kuyo. Besidlala neqela eliphumle ngaphezulu kwethu. Yiyo lo nto besingadlamkanga emdlalweni wokugqibela,” utshilo uBroos emva komdlalo ngempelaveki.
“Abadlali balwile kwisigaba sesibini somdlalo noxa bebediniwe. Ukuzimisela kwabo kwenze bakufanela ukuphumelela. Ewe, iCongo ibinamathuba ngaphezulu kwethu – kodwa balwile abadlali bam futhi ndiyazingca ngabo,” utshilo uBroos.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari