Baza kwenza izilungiso aBafana Bafana emdlalweni wanamhlanje eWolfson Stadium

Umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika uya emdlalweni wesibini weCosafa enxubile emva kokufumana iziphumo ezidanisayo. Oku kwenzeke emva kokuba aBafana Bafana bebambene neMozambique ngegowuli elinye macala emdlalweni wokuqala eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya ngoLwesithathu kule veki.

Emdlalweni wokutshayelela, iBotswana ibambene ngeqanda neSwatini. UMzantsi Afrika uqale ngokuthembisa kwisigaba sokuqala ngoba ufumene igowuli elifakwe nguRushwin Dortley emzuzwini wamashumi amathathu anethoba.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla uMzantsi Afrika udinga izinto ezimbini: ukongeza elinye igowuli okanye uvale amazibuko kude kuphele ixesha lomdlalo. NguChamito Labarina ofake igowuli lokulinganisa leMozambique ngebhola edlalwe kakuhle yamshiya ethe natya phantsi uMondli Mpoto ezipalini zakhe.

Nakubeni uMkhalele ebencwase iziphumo ezihle emdlalweni wokuqala – kodwa iqela lakhe alikwazanga ukuyenza lo nto. “Ndiyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe liqela. Ziziphumo ezindidanisileyo,” utshilo uHelman Mkhalele emva komdlalo.

“Eyona nto endiphoxileyo kukuba siphise ngegowuli kungekho sidingo. Isigaba sokuqala sisidlale kakuhle ngoba sithi abalawule umdlalo. Sikwazile ukudlala amathuba – kodwa into ebembi kukuba asikwazanga ukuwasebenzisa loo mathuba. Kodwa okuhle kukuba siyazazi iindawo ezifuna ukulungiswa phaya emva.

Asikwazanga ukukhusela igowuli lethu. Oku kwenzeke kuba sinike abadlali beMozambique ixesha lokuyidlala ibhola. Bekufanele ukuba sidlale umdlalo odibeneyo ukuze singaphisi ngamathuba emdlalweni,” utshilo umqeqeshi waBafana Bafana.

Emva kokugqwidiza emdlalweni wokuqala, uMzantsi Afrika uya emdlalweni wesibini unyanzelekile ukuba uphumelele. Uza kudibana neBotswana emdlalweni osemalanga namhlanje eWolfson Stadium. Amanqaku amathathu anyanzelekile ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukulungisa indlela yawo eya kumjikelo olandelayo weCosafa edlalelwa eGqeberha kulo nyaka.

Okuhle kukuba umqeqeshi uyazazi iindawo ezifuna ukuqiniswa emdlalweni wanamhlanje. Kufuneka baphumelele aBafana Bafana ukuze itumente eqale kule veki ihlale ixhaswa ngabantu baseGqeberha.